Iindaba

Ubomi ejele kumalume odlwengule umtshana (4)

Abongile Ginya|Published

UMalume (46) ugwetywe ubomi ngokudlwengula umtshana wakhe oyintombi oneminyaka emine (4) kuphela.

Image: IOL

INkundla yeNgingqi yaseMaluti imgwebe ubomi engaphakathi ejele uLuvuyo Nobeqwa (46) emva kokumfumana enetyala lokudlwengula umtshana wakhe oneminyaka emine (4) kuphela ngethuba kukho isici ekhayeni.

UNobeqwa wathatha ithuba ebona kuxakekiwe kwaye konwatyiwe kwindlu enkulu kwikhaya labo eMaritseng eMaluti kungomhla wama22 kweyeNkanga wonyaka ophelileyo u2024, nanjengoko kwakukho isici kweli khaya. Ngethuba umtshana wayelele kwigumbi likamalume onguNobeqwa kuba amanye amagumbi egcwele, umalume waphuma kwindlu enkulu ekwakuculwa kuyo wafika wazenzela kumtshana wakhe. 

Undwendwe olwaluyochama phandle lweva ngesikhalo somntwana wabe sexela umntwana ngokugqiba kwenzeka kuye. Kwabizwa abantu kwaye kwabizwa namaPolisa wabanjwa umalume.

Ngethuba kuqhuba ityala umalume wathi uyaliphika ityala kuba ayinguyanga yedwa odlwengule umntwana ibisisangoma sakwaBhaca.

Iziphumo zofuzo ncindi, iDNA ngamanye, olaluthathwe kwiThuthuzela Care Centre yaseMatatiele yaveza ukuba nguMalume odlwengule umtshana. 

INPA isamkele esi sigwebo sinikwe okaNobeqwa.