Amanina aseMpuma Koloni ngokwahlukana kwawo kwindibano yeMasimanyane Women's Rights International ebinjongo ikukubaxhobisa ngohlobo abanokuthi baxele urhwaphilizo bewafundisa nangesextortion.
Image: Abaongile Ginya
Amanina axela izenzo zolwaphulomthetho (whistleblowers) aphila ngoloyiko kuba aye abe ngamaxhoba okubulawa, ingakumbi xa athe ayokumpimpa emapoliseni. Itshantliziyo lebhunga lesizwe elijongene nolwaphulomthetho (NACAC), uThandeka Gqubule-Mbeki, uthi kuphando lwakhe ufumanise ukuba iCandelo loPhando oluKhethekileyo (SIU) linedesika ebekelwe bucala ukumamela abantu ababhinqileyo abazokumpimpa bengadanga babe baya emapoliseni.
UGqubule-Mbeki ebethetha eHotel Osner eQuigney, eMonti, ngethuba iMasimanyane Women's Rights International ibambisene neAfrican Women Against Corruption Network (AWACN), bethe baqokelela kwantlobo yomntu obhinqileyo kwanamaSebe ngeenjongo zengxoxo kwanokubaxhobisa ngorhwaphilizo olujongene nawo mvanje kwanangohlobo azibona egaxeleke ngalo kulo.
UGqubule-Mbeki uthi wafumanisa ukuba le desika ayisetyenziswa ngendlela ekufanele isetyenziswa ngalo kwaye wabhaqa nokuba le desika ayaziwa ngamanina. Utsho ekhuthaza ukuba mayisetyenziswe ngamanina esithi iyeyona ndlela ikhuselekileyo.
Umsunguli weAWACN, uZakhona Mvelase, uthi babone kubalulekile ukuba le ndibano ibanjwe kanye ngale nyanga yamanina kwaye mvanje amanina angamaxhoba orhwaphilizo ngendlela nawo angaqondiyo ngayo. Uthi kunengxaki ngoku yento eyi 'sextortion' apho amanina azibona enikela ngemizimba yabo xa bephantsi koxinzelelo lokufuna umsebenzi.
UThandeka Gqubule-Mbeki weNational Anti-Corruption Advisory Council (NACAC) eseHotel Osner eMonti kwindibano yeMasimanyane Women's Rights International neAWACN.
Image: Abongile Ginya
UMvelase uthi eli lizwe laziwa ngokuthetha kuphela kungoko iMasimanyane iza kuqinisekisa ukuba konke okuvakaliswe ngamanina aseMpuma Koloni iza kubakhona intshukumo kwaye notshintso. UMvelase uthi ngenene amanina athe ampimpa ashiyeka engamaxhoba esoyika futhi ejongwa nangenye indlela xa kuthe kwavakala ukuba ngawo.
OweMasimanyane Women's Rights International, uFarida Myburgh, uthi baqokelele amanina aluhlobo lonke olukhoyo ngeenjongo zokuba kwabelwane ngolwazi nangemingeni amanina ajongana nayo umhla nezolo.
UMyburgh uthi uninzi ngaphakathi belungayazi eyokuba ikhona idesika ekhuselekileyo apho ungampimpa khona urhwaphilizo, uthi amanina aye ashiyeke ehlala ngoloyiko xa ethe achaza nanjengoko esithi uninzi lwabantu ithemba lawo lincinci emapoliseni. Utsho ekhuthaza amanina ukuba athethe phandle.
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta, nobekule ndibano ukhuthaze abantu ababhinqileyo ekubeni bathethe phandle watsho esithi urhulumente akanakuze akwazi ukulwa yedwa esithi iiNGOs ezinje ngooMasimanyane namaphulo kwaneeNkosi zethu ekuhlaleni kungalula.
"Okundonwabisayo kukuba sidibene ngenyanga yamakhosikazi apho kukhunjulwa amaqhawekazi ango1956 endiye ndizibuze ba inoba bathini kule meko sikuyo," utshilo uFanta.