Iindaba

Ixhego laseLiboode likrwitshwe laxhonywa ngentambo kwiphahla lendlu!

Abongile Ginya|Published

Libhaqwe lixhonywe ngentambo kwiphahla yendlu yalo ixhego lakuDokotela eLibode.

Image: IOL

Yindoda enamashumi amahlanu anesibini (52) ubudala yaseDokotela, eLibode, ebanjiweyo ngamaPolisa emva kokuba ithe yaxhoma ngentambo ixhego elinamashumi asixhenxe anesibini (72) ubudala kuba efuna ibengathi lizibulele ngokwalo.

Esi sehlo senzeke ngoLwesibini kwiveki ephelileyo kwikhaya lalo eDokotela, eLibode. 

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo, ithi, eli xhego libhaqwe lizixhonywe ngaphakathi kwiphahla lwendlu yalo, lwabe lona uphando oluphangaleleyo lubonisa ukuba liqale ngokukrwitshwa ngentambo ngabarhanelwa ababini abangamadoda.

UMatyolo uthi unobangela wesi sehlo senziwe sesi sibini sabarhanelwa bebezokuba imali yexhego nabayaziyo ukuba ihlala ndawoni endlini.

Umrhanelwa (52), obanjiweyo ebekade esebenzela eli xhego engumqhubi walo. Owesibini umrhanelwa usabalekile akakabanjwa. Obanjiweyo kulindeleke ukuba avele phambi koMantyi waseLibode kungekudala.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, ukwamkele ukubanjwa komrhanelwa. 

UGeneral Modishana uthi amaPolisa aza kuqinisekisa ukuba abarhanelwa badibana nengalo yomthetho kwaye bafakwa ezincwadini.