Iindaba

UJacobs uzibambele ngokwakhe kwiNgxoxo yeSizwe

Mthetheleli Mazwai|Published

UAnzio Jacobs ngethuba ekwinkomfa yeNgxoxo yeSizwe.

Image: Mthetheleli Mazwai

Unondaba, umbhali wenkcubeko neencwadi noyinzalelwane yaseCumakala, eMpuma Koloni, uAnzio Jacobs, ebexhuzula imikhala kwindibano yeNgxoxo yeSizwe ebibanjwe iintsuku ezimbini kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika (UNISA) eSunnyside, ePitoli.

INgxoxo yeSizwe ibibizwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeenjongo zokuxoxa ngemiba echaphazela isizwe kwanokukhangela izisombululo kwezo ngxaki.

"Siqale ngokubiza amaqela amele abahlali nemibutho yasekuhlaleni equka abezopolitiko ukuze sifumane izimvo ezahlukeneyo kwaye sive nangeengxaki ebezihlasele abemi beli ukusukela ngo1994 ukuza kuthi ga ngoku," kutsho okaJacobs.

"Zonke iindibano zahamba kakuhle kakhulu, kuba bonke abantu ebesibamemile bezile ngobuninzi kwaye namagingxigingxi adla ngokubakho xa kusingathwa umsebenzi ololu hlobo siwalungisile kwangoko ukuze umsebenzi uqhubeke."

UMongameli uCyril Ramaphosa uyivule ngokusesikweni le ndibano ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, neqhube iintsuku ezimbini yade yayofikelela ekupheleni ngoMgqibelo ebusuku.

Ebevaliwe amasango aseUNISA kwezi ntsuku zimbini xeshikweni kuqhutywa le nkomfa yeNgxoxo yeSizwe. Bekungena abo banamaphephamvume okuzimasa inkomfa, ngelixa abafundi bona bevalelwe phandle.

"Ndiyavuya yindlela esiqhube ngayo le ndibano, bekukho abantu beentlanga ngeentlanga abathe bavakalisa izimvo zabo, njengoko uMongameli ebecwangcisile."

OkaJacobs uthe khange alale iintsuku ezininzi ezama ukudibanisa lo msebenzi.

Lo kaJacobs uthe eyona nto imkhathaza kakhulu kukushiywa ngaphandle nokungahoywa kwabantu abakhubazekileyo, abantu beenkolo ezingaqhelekanga, abaphila neAlbinism, noosomashishini abakhasayo, kuba uthi izimvo zabo kusafuneka zibhengezwe esidlangalaleni kwaye zaziwe sisizwe.