Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: UZakhona Mvelase (AWACN), Mvuzo Ponono (ECSECC), Mrs Van der Merwe (Commission for Gender Equality), Farida Myburgh (MWRI), Siphesihle Mguga (Legal Resources Centre) kwakunye noAneza Madini (ECSECC).
Image: Abongile Ginya
Kusekuninzi ekusafuneka kwenziwe ezilalini, okufana namaphulo aza kufundisa abantu ngeGBV, kuquka ukuchazwa kwezenzo zeGBV, njengoko kusabonakala ukuba basenolwabo uhlobo lokuqonda kwanohlobo lokwenza izinto nezahluke mpela kunohlobo lwasezidolophini. Umzekelo, ukungachazwa kwezenzo zodlwengulo, ezokubetha nezinye ngaphambili neziye ziphelele ekhayeni.
Oku kudizwe liBhunga loNgqubaniso Zimvo kwiNtlalo noQoqosho eMpuma Koloni eyaziwa njengeECSECC ngethuba isenza uphando lwayo into engangeenyanga ezilishumi elinesibhozo ezilalini nalapho olu phando belugxile kwintlalo yamanina.
Ophuma kwiECSECC, uAneza Madini, uthi wafunda okuninzi kuphando alenze ngethuba esebenzisana neYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) kwiilali ezahlukeneyo zaseMpuma Koloni, nalapho ebephantsi koxinizelelo nanjengoko efumanise ukuba abantu basezilalini banohlobo lwabo abatolika ngalo lento kuthiwa yiGBV.
"Sifumanise ukuba eli gama lithi GBV ezilalini kuxa kubulewe umntu kuphela leyo ke yiGBV, kodwa ukuba ibhinqa liyaxhatshazwa ngokubethwa ayisiyiyo leyo de ube uyabulawa. Okunye, amanina amaninzi azibona egaxeleka kurhwaphilizo engaziqondanga ukuba azifaka kuyo ngenxa yendlela yokwenza izinto ezilalini. Umnqweno kukuba ithathelwe ingqalelo into yorhwaphilizo ezilalini bafundiswe. Okunye kusahanjwa ngendebe endala, utshintsho abalwamkeli kuba uye athi umntu uza kuqhuba ngendlela awayeyalwe ngayo xa wayesenda," utshilo uMadini.
Ophuma kwiLegal Resources Centre, uSiphesihle Mguga, uthi kunengxaki ekhoyo yorhwaphilizo ngokwesondo ekwaziwa ngabula makhumsha njengesextortion apho osemagunyeni aye asebenzise amagunya kwanamandla akhe ngokuthi afune ukulala nenina eliphantsi koxinzelelo.
UMguga uthi oku kwenzeka naphina, kuquka amaSebe karhulumente ngokohlukana kwawo, koomasipala nasezikolweni. "Iimfundiso zisadingeka, abantu ababhinqileyo bazibona sele begaxeleke kurhwaphilizo ngesextortion apho inina xa liphantsi koxinzelelo lifuna umsebenzi, isikolo okanye indlu yesibonelelo liphela lilala nalowo usemagunyeni ngokuba ethenjiswa."
La manina ebesakhana ekwaxhobisana ngethuba iMasimanyane Women's Rights International kwakunye neAfrica Women Against Corruption Network (AWACN) bebeqokelele onke amanina eMonti, ngeenjongo zokuwaxhobisa ngohlobo azibona egaxeleka ngalo kurhwaphilizo.