Iindaba

Lusavalwe okwethutyana ulwandle iEastern Beach eMonti

Abongile Ginya|Published

Lusavalwe okwethutyana olunye lwamalwandle aseMonti athandwa kakhulu, iEastern Beach, de kuphinde kubhengezwe ukukhuseleka kwalo emva kokubhaqwa komnenga ufile ngoLwesibini kule veki.

Image: BCM

UMasipala ombaxa iBuffalo City (BCM) ukhuphe ingxelo kusasa ngoLwesibini eyokuba ulwandle iEastern Beach kungadadwa kulo luluntu nanjengoko lusavaliwe okwethutyana.  

Ukuvalwa kwalo kuza emva kokuba ngentsasa yangoLwesibini kubhaqwe umnenga ngasemanzini ufile. Uphando olwenziweyo lubonisa ukuba lo mnenga kunokuba ugilwe sisikhephe nanjengoko amanxeba ebonakala emzimbeni wawo ngethuba uhlolwa.

Ingxelo yeBCM iqhuba ithi, nangona lo mnenga uthe qelele naselwandle, inyama yalo mnenga namanye amalungu awo ebendanda phezu kwamanzi nto leyo ingathi itsale ookrebe basondela, nto leyo inokubeka ubomi babantu ebungozini.

IBCM ibongoza iindadi nabalobi bahambele kude de baziswe: “Iingcaphephe zethu kwezolwandle kwanabasemagunyeni bayaqhuba nophando kwanokujonga imeko sithetha nje. Uluntu lakuphinda laziswe ngokukhawuleza xa kuvuliwe,” idize oko iBCM.