Iindaba

Mathathu ngoku amalwandle aseMonti asavalwe okwethutyana ngenxa yomnenga ofileyo!

Abongile Ginya|Published

Mathathu ngoku amalwandle avaliweyo, iKayser's Beach neNahoon Beach esongeza kwiEastern Beach ebivalwe ngoLwesibini ngenxa yomnenga ofileyo.

Image: BCM

Kwingxelo entsha ekhutshwe nguMasipala iBuffalo City (BCM) yeyokuba ulwandle lwaseNahoon kwakunye neKayser's eMonti nawo asavalwe okwethutyana ukongeza kwiEastern Beach ebivalwe ngoLwesibini kule veki.

Ukuvalwa kwalo kuza emva kokuba ngentsasa yangoLwesibini kubhaqwe umnenga ngasemanzini sele ufile. Uphando olwenziweyo lubonisa ukuba lo mnenga kunoba ugilwe sisikhephe nanjengoko amanxeba ebonakala emzimbeni wawo ngethuba uhlolwa.

IBCM ithi eNahoon Beach nayo isavaliwe nekubongozwa abathandi, iindadi nabalobi bangasondeli ngenxa yalo mnenga obufele eEastern Beach izolo njengoko esondelelene kwaye nokukhuseleka koluntu.

IKayser’s Beach nesele ilithuba yona ivaliwe nayo kubongozwa kungasondelwa kuyo ukukhusela uluntu nanjengoko iintsalelela zomnenga obufe kwinyanga ephelileyo zisekhona.

Ingxelo yeBCM iqhuba ithi, nangona lo mnenga uthe qelele naselwandle, inyama yalo mnenga namanye amalungu awo ebendanda phezu kwamanzi nto leyo ingathi itsale ookrebe basondele, nto leyo inokubeka ubomi babantu ebungozini.

IBCM ibongoza iindadi nabalobi bahambele kude de baziswe ukubuyela kwabo ngexesha  elilungele ukuvulwa kwala malwandle. Kwaye kukwabongozwa ukuba bangawubambi umnenga ofileyo kuba unobungozi emzimbeni.

“Iingcaphephe zethu kwezolwandle kwanabasemagunyeni bayaqhuba nophando kwanokujonga imeko sithetha nje. Uluntu lakuphinda laziswe ngokukhawuleza xa kuvuliwe,” idize oko iBCM.