Iindaba

Unikwe iintsuku ezilishumi obenyelisa igama likaNqatha esithi ngumbulali

Abongile Ginya|Published

UMphathiswa uXolile Nqatha usamkele isiyalelo esenziwe yiNkundla ePhakamileyo yamaTyala yaseMonti ngakwiTransit Ringas engcolise igama lakhe kwipodcast yayo.

Image: ECDoT

Indoda ebingxamele ukuzakhela igama kumakhasi onxibelelwano inabisa ubuxoki ikwangcolisa igama loMaphathiswa wezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, kwakunye neli Sebe, kwipodcast yayo ethi “Transit Ringas” inikwe iintsuku ezilishumi yiNkundla ePhakamileyo yamaTyala yaseMonti ekubeni zingapheli [ezi ntsuku] ingasusanga ushicilelo ilenze ngoNqatha neSebe kumakhasi onxibelelwano. 

Le nkundla ibihleli ngoLwesibini kule veki eMonti imamele isicelo sikaNqatha ngoIsaack Lesole kwakunye neTransit Ringas. 

Isithethi seSebe, u-Unathi Binqose, uthi uMphathiswa uNqatha uye waya kwinkundla emva kokuba uLesole kushicilelo lweTransit Ringas ebebiza uNqatha ngamagama esithi ngumbulali kwaye uyafana nje nabanye oosopolitiki abangcolileyo.

UBinqose uthi iTransit Ringas iyalelwe yinkundla ukuba ingaphinde yenze ushicilelo ngoNqatha kwipodcust yayo, kwaye ezo sele zikhona zichicilelweyo kumakhasi onxibelelwano ahlukeneyo afana noTikTok n YouTube zisuswe.

UNqatha usamkele isigwebo esiphume nenkundla nethe yangakwicala lakhe. "Isigqibo seNkundla ePhakamileyo sisikhumbuzo sokuba ubuxoki bendijongene nabo buthetha lukhulu ngalo mntu ebehambisa ubuxoki ngegama lam kwipodcust yakhe," utshilo uNqatha.