Iindaba

Ababini babanjelwe ubusela bemfuyo nompu ongenampepha

Cwayita Nondula|Published

Iigusha ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa.

Image: SAPS

Amadoda amabini abanjelwe ukubandakanyeka ekubiweni kwemfuyo kwisithili saseOR Tambo apho kwafunyanwa iigusha ezilithoba ekucingelwa ukuba zibiwe kunye nompu ongenampepha-mvume.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo, iDistrict Stock Theft Task Team ibambe la madoda ngoLwesine umhla wama21 kweyeThupha 2025.

"NgoLwesine, umhla wama21 kweyeThupha 2025 malunga nentsimbi yokuqala kusasa, amalungu eqela alandele iinkcukacha zobuntlola. Kugqogqwe umzi okwingingqi yaseBlackhill, nalapho indoda (37) ifunyenwe ineegusha ezilithoba.

"Umrhanelwa utyhola ukuba amahashe akhe amabini wawatshintshisa wafumana iigusha. Amapolisa alulandele olo lwazi, aze akhokelelwa kumzi waseMjikelweni, apho abuze indoda (21) imibuzo, nethe yakhanyela ulwazi lolu tshintshiselwano," utshilo uMatyolo.

Umpu ongenampepha-mvume othe wathinjwa ngamapolisa.

Image: SAPS

Ingxelo ithi amapolisa afumene indoda yesibini inompu ongenampepha kunye neembumbulu. Ubekwe ityala lokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni. Yona enye indoda (37) ibekwe ityala lokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe (iigusha).

Kuthiwa lo mpu (ongena nombolo yesiriyeli) wohluthiwe, ze iigusha zathathwa zasiwa kwindawo ekufutshane kamasipala apho kugcinwa khona izilwanyana ukuze kuphandwe.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uqhwabele izandla amalungu eqela ngomsebenzi wabo omhle wokulwa ubusela bemfuyo kwisithili. "Sibongoza amafama ingakumbi kwiindawo ezidume ngezenzo zokubiwa kwemfuyo ukuba basebenzisane neTask Team," utshilo uMajor General Modishana.

Bobabini abarhanelwa baza kuvela kwinkundla kamantyi wakuQumbu ngoLwesihlanu umhla wama22 kweyeThupha 2025 bejongene namatyala abo.