ITiger Brands ibuyisele amagaqana enza ukutya kubenencasa zemveliso zeBenny.
Image: Tiger Brands
ITiger Brands ibhengeze ukubuyiselwa kwamagaqana enza ukutya kubenencasa (stock cubes) akwaBenny (Beef & Chicken Flavour) ngenxa yeenkcukacha zesondlo ezingachanekanga kwipakethe.
Inkampani yakwaTiger Brands ibongoza abathengi ukuba babuyisele la magaqana enza ukutya kubenencasa akwaBenny (Chicken & Beef) kwiivenkile ezikufutshane nabo ukuze babuyiselwe iimali zabo.
Isigqibo sokubuyisela ezi mveliso siza emva kokuba inkampani iye yabonisana nekomishini yabathengi, iNational Consumer Commission malunga nala magaqana ebesezivenkileni ukusukela ngo2023.
Ziquka iipakethi ezinamagaqana ayi12, 24 ne48 ngaphakathi nanemihla yokuphelelwa ethi 31 kweyeKhala 2027 okanye nawuphi na umhla ongaphambili.
Kwingxelo, iTiger Brands ithe isebenzisana nabathengi beevenkile nabehoseyile ukususa zonke iipakethi zeBenny ezibhalwe ngendlela engachanekanga ezithengiswayo ezivenkileni.
Nangona kunjalo, inkampani iqinisekisile ukuba oku kubuyiselwa kweemveliso akubandakanyi ezinye iimveliso ezithengiswayo phantsi kwegama elithi Benny.
Le nkampani yokutya ithe iya kwenza ukuba la magaqana, iistock cubes, zifumaneke kwakhona emva kokuba iinkcukacha kwiipakethi zilungisiwe.