Iindaba

Inqununu etyholwa ngokuxhaphaza ngokwesondo umfundi ikhululwe ngebheyile

Sinenhlanhla Masilela|Published

Ikhululwe ngebheyile inqununu etyholwa ngokuxhaphaza ngokwesondo umfundi.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Inkundla kamantyi yasePolokwane imnike ibheyile yeR3000 inqununu, 51, yesithili saseCapricorn etyholwa ngokuxhaphaza ngokwesondo umfundi, 17, ofunda uGrade 12.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eLimpopo, uMashudu Dzhangi Malabi, uthe imiqathango yebheyile yenqununu ibandakanya ukuba mayingaphazamisi amangqina ombuso kunye nophando lwamapolisa, ingazibandakanyi nolwaphulomthetho (schedule one offence), kwaye iye enkundleni ngayo yonke imihla emiselweyo de ityala liqukunjelwe.

"Uxelelwe nokuba ukungaveli kwakhe [enkundleni] kungakhokelela ekubeni ichithwe ibheyile yakhe kwaye nalo mali yebheyile iye kumbuso," utshilo.

UDzhangi uthe ngomhla we11 kweyeThupha 2025, ixhoba lalisebenzisa ifowuni yalo ngethuba kufundiswa xa utitshala walo weLife Orientation wayithatha wayinika inqununu yesikolo.

"Ngomhla we16 kweyeThupha 2025, ngethuba kuqhutywa iiklasi ezongezelelweyo, ixhoba laya kwiofisi yenqununu ukuya kuthatha ifowuni yalo, kulapho inqununu yaxhaphaza ixhoba elalingalindelanga ngokwesondo ngokuliphuza," utshilo.

UDzhangi uthi, ixhoba liye labika kunina, emva koko walikhapha ukuya kwisikhululo samapolisa ukuya kuxela esi sehlo, waze wabanjwa umtyholwa.

"Umbuso awuzange usichase isicelo sebheyile njengoko sisenzo solwaphulomthetho sohlobo lweSchedule 1 kwaye sixhomekeke kwimiqathango ebekiweyo."

Lo mba uhlehliselwe umhla wama20 kweyeDwarha 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.