Iindaba

Umfundi ubanjelwe ukuzama ukuphanga nokubulala omnye umfundi

Abongile Ginya and Cwayita Nondula|Published

Umfundi ubanjelwe ukuzama ukuphanga nokubulala omnye umfundi eDikeni, eMpuma Koloni.

Image: SAPS

Amapolisa aseDikeni abambe umrhanelwa oneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala ngetyala lokuzama ukubulala nokuphanga elenzeke kwisikolo samabanga aphakamileyo eDikeni, eMpuma Koloni.

Ukubanjwa kwalo mrhanelwa kulandela ityala elavulwa ngoLwesithathu umhla wama20 kweyeThupha 2025, emva kwesiganeko esimanyumnyezi kwisikolo samabanga aphakamileyo iNkwenkwezini kwingingqi yaseDyamala, eDikeni, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana.

Kutyholwa ukuba ngoLwesibini, umhla we19 kweyeThupha 2025, malunga nentsimbi yesibhozo kusasa, umfundi (16) wahlaselwa ngomnye umfundi ngaphakathi eyadini yesikolo. Kuthiwa ixhoba lihlatywe entanyeni, laphangwa ifowuni kunye nesixa semali, emva koko lafakwa kumngxunya welindle kwindlu yangasese. Ixhoba lahlala livaleleke apho ubusuku bonke

"Wabhaqwa ngentsasa elandelayo, ngoLwesithathu, umhla wama20 kweyeThupha 2025, ngomnye umfundi waza wabalekiselwa kwisibhedlele saseVictoria ukuze afumane unyango olukhawulezileyo. Sithetha nje uyalulama.

"Umrhanelwa ochongiweyo oneminyaka eli17 ubudala wabanjwa ngoLwesithathu, umhla wama20 kweyeThupha 2025. Ubekwe ityala lokuzama ukubulala kunye nokuphanga ngesixhobo esingengompu," utshilo uGantana.

UMkomishinala obambeleyo wephondo leMpuma Koloni, uMajor General Thandiswa Kupiso, uncome igqiza eliphandayo ngomsebenzi walo.

"Sincoma abahlali kunye nesikolo ngentsebenziswano kunye neqela eliphandayo ngomsebenzi wabo okhawulezileyo okhokelele ekubanjweni komrhanelwa. Siyabaqinisekisa abahlali ukuba izenzo zobundlobongela ezinje, ngakumbi kwiindawo ekufundelwa kuzo, ziya kujongana nengalo yomthetho," utshilo uMajor General Kupiso.

Umrhanelwa uvelile phambi kwenkundla kamantyi yaseDikeni ngoLwesine umhla wama21 kweyeThupha 2025. Inkundla imbuyisele eluvalelweni eJohn X Meriman Juvenile Centre. Ukuvela kwakhe kwakhona enkundleni kucwangciselwe uMvulo, umhla wama25 kweyeThupha 2025.

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni likhuphe ingxelo labe likhalimela esi senzo senzeke kwisikolo esikwiAmathole East, lisithi asamkelakanga esi senzo.

Isithethe seSebe, uVuyiseka Mboxela uthi, esi sehlo siye sachazwa kubo ngunqununu, ekwathi abakuvuyelayo kukuba umfundi esindile kwaye esalwela ubomi bakhe esibhedlele.

UMboxela uthi bakwakuvuyela nokuthe kwenziwa sisikolo sokuqinisekisa ukuba uyachazwa emapoliseni umfundi.

ISebe lithi lisebenzisana namaPolisa kwanabazali. ISebe likwahlab' ikhwelo kubafundi ezikolweni ekubeni bohlukane nezenzo zobundlobongela.

OweKhula Community Development Project EC, uPetros Majola, ukukhalimele oku esithi indibano yabasemagunyeni ifanelekile ngeenzame zokulwa ubundlobongela ngaphakati ezikolweni. Indibano le kulindeleke ukuba ibanjwe kuMvulo weveki ezayo eInkwenkwezi S.S.S ngentsimbi yeshumi kusasa.