Iindaba

Ingcibi yomgunyathi egwetyiweyo yolusa amakhwenkwe aselula ngentlawulo yeenkukhu eziphilayo

Abongile Ginya|Published

Ozibiza ngengcibi yaseSajonisi ugwetywe iminyaka emithathu engaphakathi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokolusa amakhwenkwe amabini naselula ngokweminyaka (11).

Image: Itumeleng English

INkundla yamaTyala yaseSajonisi imgwebe iminyaka emithathu (3) engaphakathi ejele uOrlando Ngcaca (28) emva kokuba evume amatyala akhe amabini okunyhasha umthetho wesiko lolwaluko (Customary Initiation Act of 2021).

Ingxelo ephuma kwiNPA ithi, ngomhla wama27 kweyeNkanga wonyaka ophelileyo u2024, uNgcaca wolusa amakhwenkwe amabini abaneshumi elinanye (11) ubudala bezelwe ngaphandle kwemvume yabazali babo. Oku kwenzeka kwilali iSiqhozameni eSajonisi.

Amakhwenkwana la mabini, azicelela ngokwawo kuNgcaca ukuba awoluse abe ephethe imali eyiR30. UNgcaca waye wafuna iR100 wathi okanye inkwenkwe ize nenkukhu ephilayo xa ingekho iR100, emva koko wabayalela ukuba babuye ngengomso.

Ingxelo yeNPA iqhuba ithi, ngosuku olulandelayo la makhwenkwe aya kuNgcaca wawangenisa kurontawuli kowabo wabolusa akugqiba wabathumela kwisikolo esihlala abakhwetha ngaphandle kwemvume yabazali nephepha lemvume.

UNgcaca waye wabanjwa emva kokuba abazali babantwana bachaza emaPoliseni. Waye wavela phambi koMantyi ngomhla we9 kweyoMnga ka2024, nalapho waye wakhululwa ngebheyile yeR1000.

Ngethuba kuqhuba ityala, inkundla yadiza ukuba nangoma amakhwenkwe ephila kwaye engakhange onzakale, kodwa bona ubomi babo bebusengciphekweni.

UMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni uAdv. Barry Madolo uncome abazali bamaxhoba ngentshukumo nangoxanduva abaluthathayo. “Amaxhoba ebesenokubhubha phantsi kwezandla zalo mntu uzibiza ingcibi,” utshilo uAdv. Madolo.