Iindaba

Uzinikele emapoliseni odubule wabulala ixhegokazi eGqeberha

Cwayita Nondula|Published

Indoda eyadubula yabulala ixhegokazi izinikezele emapoliseni eKabega Park.

Image: Pexels

Indoda (64) izinikele emapoliseni emva kokuba idubule yabulala ixhegokazi elinamashumi asibhozo anesixhenxe (87) yaseKabega Park, eGqeberha.

Ngokwengxelo yamapolisa, kutyholwa ukuba umrhanelwa wazinikela eSAPS Kabega Park ngoMgqibelo, umhla wama23 kweyeThupha 2025, malunga necala emva kwentsimbi yethoba kusasa, apho wavuma khona ukuba wadubula ixhegokazi elineminyaka engama87 ubudala.

Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthi amapolisa akhawuleze asabela kwindawo yexhwayelo eSherwood Retirement Village eKabega Park. "Malunga nentsimbi yeshumi kusasa, umzimba wexhoba elisele likhulile wabhaqwa kwigumbi lakhe lokulala. Wayenamanxeba amaninzi okudutyulwa entloko," utshilo uGantana.

Uphando lokuqala lubonisa ukuba isiganeko sokudubula senzeke ngoLwesihlanu, umhla wama22 kweyeThupha 2025, malunga nentsimbi yeshumi ebusuku.

Umpu wokuzingela, ekukholeleka ukuba sisixhobo esisetyenziswe kwesi siganeko, uthathiwe ngamapolisa ukuze enze uphando.

Unobangela wolu hlaselo awukaziwa okwangoku kwaye uyinxalenye yophando oluqhutywa yiSAPS Kabega Park.

Umrhanelwa uvalelwe kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala eGqeberha kungekudala ngetyala lokubulala.