Umrhanelwa wasetyhini uvele enkundleni ngokudlwengula inkwenkwe eMusina, eLimpopo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala, uvele phambi kweNkundla kaMantyi yaseMusina ejongene netyala lokudlwengula inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala.
Ityala limiselwe uLwesibini, umhla wama26 kweyeThupha 2025, ukuze kuqhutyekwe nophando.
Umrhanelwa ongenakuchazwa ngenxa yophando oluqhubekayo ubanjwe ngabacuphi becandelo laseMusina Family Violence, Child Protection and Sexual Offences (FCS) kwangaloo mini yesehlo, ngoLwesihlanu umhla wama22 kweyeThupha 2025, ngokutsho kwesithethi samapolisa uColonel Malesela Ledwaba.
NgokukaLedwaba, utyholwa ukuba udlwengule lo mntwana oyinkwenkwe, ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwelinye lamaziko ecawe asekuhlaleni eMusina..
"Kuvakala ukuba, umrhanelwa wabiza ixhoba, ngethuba lalidlula ngakwikhritshi elizinze kweli ziko. Kuthiwa waya kuye, wafika eli bhinqa lilele phantsi lihamba ze. Emva koko waqala ukumphatha ngendlela engafanelekanga kwaye emva koko wamdlwengula kwindawo engekho kude kumgqomo," utshilo uLedwaba kwingxelo.
Omnye wabahlali beli ziko ebesiya emgqomeni ngethuba ebona esi sehlo.
Umgcini wale ndawo uxelelwe ngesi sehlo. Amapolisa azisiwe aza avula ityala lokudlwengula. Umrhanelwa wabanjwa emva koko.
Uphando lwamapolisa luyaqhuba.