IMarina Glen (Ebuhlanti) entsha esandula ukuphuculwa yiBCM. NgoLwesihlanu umhla wama29 kweyeThupha kwiveki ephelileyo emva kwemini I'solezwe lidlule kungumsi kugcwele aboji besojela abantwana besikolo ebebezokukhenketha kukho nengcuntswana labahlali.
Image: ABONGILE GINYA
NgoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, oomama kwakunye noobhuti abojela abantu inyama kwindawo ethandwayo ekuthiwa kuseBuhlanti, eMonti, bangene ngaphandle kwemvume yeBuffalo City Municipality nangona kusalungiswa.
Le ndawo yavalwa phambi kovoto lukazwelonke kunyaka ophelileyo emva kokudizwa kweendaba ezathi iza kulungiswa ibentle kunemeko yangaphambili.
Ngosuku ekwakuphethulwa ngalo phambi kolungiso, iNkulubaphathsiwa yePhondo uOscar Lubabalo Mabuyane, yayikhona Ebuhlanti apho yathi iza kutshintsha imbonakalo yayo emva komsebenzi ibentle.
Omnye woomama othethe neli phephandaba noneminyaka elishumi elinanye eqhuba nomsebenzi wokojela uluntu inyama Ebuhlanti, uthe babethwa bubuncinci bendawo kwindawo aba kuyo kwaye badinwe kukulinda ixesha elide ngoba elalibekiwe ladlula kudala.
Uthe ukungabikho kwendawo kubabetha kakhulu nasezipokothweni kuba ingeniso ayisafani nangokuya bebekwindawo elungiswayo.
"Yona le ndawo esikuyo iyalwisa kuba incinci. Silwa kwasodwa sisilwa ngabantu abangenayo bezokoja. Ingxaki imali kule ndawo asisayenzi nje ngakuqala," utshilo.
Omnye umama othe angachazwa igama lakhe uthe: "Sifana nokuba silinde ukuza kukanxele. Besingazukungangeni sibona ukuba akusekho ntshukumo yenziwayo.
"Kukhula ingca kwaye sijongile nje konakale oku sekukhona. Sidiniwe kukulinda into esingayaziyo sibe singenzi mali kula kona safixaniselwa kuyo yiBCM," utshilo omnye waboji Ebuhlanti.
UMasipala ombaxa, iBuffalo City, ikhuphe ingxelo ikhalimela esi senzo senziwe ngaboji abathe bazingenela ngokungekho semthethweni.
Isithethi saseBCM, uBongani Fuzile, uthe: "Abaphindwe babonwa bengene ngetshova Ebuhlanti baza kujongana nengalo yomthetho. Sibongoza uluntu ukuba luhambele kude nale ndawo, bavumele umsebenzi owenziwayo uqhutywe ngaphandle kophazamiseko," utshilo uFuzile.
IBuffalo City ithi isigaba sokuqala solungiso olwenziwayo Ebuhlanti sigqityiwe. Ngoku kuza kulungiselelwa isigaba sesibini kugqityezelwe. Ibongoza intsebenziswano phakathi kwayo naboji benyama Ebuhlanti.
Izindlu zangasese ezazikuluhlu lwezinto ezakuthi ziphuculwe Ebuhlanti azikabikho nanjengoko I'solezwe lesiXhosa belityelele nalo ngoLwesihlanu ngethuba kusojiwa.