Indoda ibanjelwe isiganeko sokuxhwila.
Image: IOL
Umrhanelwa (42) nokwayanyaniswa neziganeko zokuxhwila ubanjwe ngoMvulo umhla wokuqala kweyoMsintsi 2025 eNgangelizwe eMthatha.
Ukubanjwa komrhanelwa yintsebenziswano phakathi kweqela leeHawks elizinze eMthatha elijongene nophando olunobuzaza lolwaphulomthetho olucwangcisiweyo kunye namapolisa aseMthatha ecandelo lePublic Order Policing – la maqela alandele iphulo lobuntlola eliqhutywe ezinzulwini zobusuku ngalo mhla ukhankanywe ngasentla kwikhaya eNgangelizwe eMthatha.
Isithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi amaqela abasemagunyeni aphumeze umyalelo wokugqogqa, nogunyazise ukubanjwa komrhanelwa oyanyaniswa neziganeko zokuxhwila.
"Ekufikeni kweli khaya, amapolisa afumana umrhanelwa egumbini lakhe ze wabanjwa kwangoko. Ungumrhanelwa wesihlanu kweli tyala, edibene noNtsika Tyali (38), uMpumelelo Nyosi (41), Akhona Unathi Deyi (51) noFundile Tyali (38) ababanjwa ziiHawks ngo2024 nango2025," utshilo uMhlakuvana.
UMhlakuvana uqhube wathi umenzi wobubi wayedityaniswa nesityholo sokuxhwila esenzeka eNgcobo ngomhla wesithandathu kweyeSilimela ka2024, apho amaxhoba amabini kuthiwa ahlaselwa ngumrhanelwa oxhobileyo ongaziwayo.
"Kuvakala ukuba abarhanelwa bagaleleka kwikhaya lamaxhoba eNgcobo bebakhombe ngemipu. Kutyholwa ukuba amaxhoba anyanzelwa ukuba angene kwizithuthi ezingaziwayo ukuya kwindawo engaziwayo kwaye kamva, intlawulo yafunwa ngabarhanelwa.
"Ngexesha lesi sehlo, abarhanelwa kuthiwa bathatha ikhadi lebhanki kunye neenombolo zephini, apho kutyholwa ukuba bakhupha imali kwaye bathenga iimpahla zexabiso kwiivenkile ezahlukeneyo, ngenxa yoko amaxhoba afumana ilahleko engaphaya kwesigidi seerandi (R1.5 million).
"Ngenxa yoxinzelelo olwenziwa kubarhanelwa liqela eliphandayo, amaxhoba akhululwa emva kweentsuku ezimbalwa," uthethe watsho uMhlakuvana.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseNgcobo ngoLwesibini umhla wesibini kweyoMsintsi 2025.