Iindaba

Ubomi entolongweni kodlwengule umntwana wambulala

Robin-Lee Francke|Published

Ummi waseMozambique owadlwengula wabulala umntwana ugwetywe ubomi entolongweni.

Image: Screenshot / SABC

Indoda efunyenwe inetyala lokudlwengula nokubulala uAmantle Samane oneminyaka emithandathu ubudala igwetywe ubomi entolongweni kwiNkundla ePhakamileyo yaseGoli ngoMvulo.

UPhethe Simiao, 25, ongummi waseMozambique, ugwetywe emva kokufunyanwa enetyala lokuxhwila, ukudlwengula, ukubulala, kunye nokwaphula umthetho weImmigration Act – amatyala ngokumayelana nesehlo esibandakanya intwazana yaseOrlando East ngenyanga yeDwarha wonyaka ophelileyo.

Kwingcaciso ngezenzo zakho, nezifundwe ngumntu ommeleyo, uSimiao unike iinkcukacha ezinzulu ngamatyala akhe ngakuAmantle.

USimiao uchaze ukuba wayephantsi kweempembelelo zotywala, yaye wayikrwitsha le ntombazana iselula ngelizama ukufihla isenzo sokumdlwengula.

Ngethuba kuqhuba ityala, inkundla ixelelwe ukuba umama kaAmantle nabahlali babemkhangela, kwaye ingqina, elabona umntwana ekunye noSimiao, lalumkisa abahlali emva kokubona umntwana ehamba naye [uSimiao].

Ekufikeni kwabo etyotyombeni, abahlali babhaqe umzimba kaAmantle eneempahla ezikhululweyo, phantse eze, edunduluzile phantsi.

USimiao, owaqhweshayo, wakhangelwa ngamapolisa waze wafunyanwa eZola eSoweto, nalapho wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeDwarha ngo2024.

Ewisa isigwebo, ijaji ithe ukusilela kukaSimiao ukunika ubungqina ekuziphenduleleni kushiya imibuzo emininzi engaphendulekiyo.

"Walivalela ixesha elingakanani ixhoba ngethuba eyokuthenga ibhiya? Wayevalelwe ixesha elingakanani ngaphambi kokuba [ixhoba] lidlwengulwe? Wamdlwengula ixesha elingakanani? Kwathatha ixesha elingakanani ukuze ambulale emva kokumdlwengula?"

Ijaji ithe ifumanise ukuba uSimiao khange abonakalise kuzisola.

"Ixhoba lalingumntwana ongakwaziyo ukuzikhusela nomsulwa owayedlala esitalatweni xa wayetsalwa ngumtyholwa kwityotyombe lakhe. Umntu unokuthelekelela uloyiko awayenalo ekuqaleni xa wayexhwilwa. Ukubhideka kwakhe ngethuba ekhululwa impahla yakhe. Intlungu awayivayo xa ilungu lobudoda lingena kwilungu lakhe langasese" itshilo ijaji.

Uthe uhlalutyo lomzimba luchaza ukwenzakala kwilungu langasese lwale ntwazana.

"Umtyholwa wanelisa iingcingo ezimdaka emntwaneni. Elona lungu loluntu limsulwa kwaye lisengozini. Okokugqibela, khawufane ucinge ukoyikeka kwakhe njengoko ummangalelwa ebeka isandla sakhe entanyeni yakhe kwaye emkhupha umphefumlo," itshilo ijaji.

Ijaji ikwathe uluntu lwanele ngolu hlobo lolwaphulomthetho.

"Uluntu lwethu ludiniwe ngulo bhubhani wobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana obugquba ilizwe lethu. Uluntu lwethu ludiniwe ngamatyala awoyikisayo odlwengulo lwabantwana," itshilo ijaji.

Inkundla iphinde yathetha ngomba wokufudukela kwelinye ilizwe elichaphazela eli tyala.

Ngaphambili, umama kaAmantle wangqina ukuba waqala ukuba nentiyo ngakubantu bamazwe angaphandle.

"Nangona oko kuyaqondakala. Ubani umele aqonde ukuba uninzi lwabemi bamanye amazwe abakweli lizwe, kwanabo balapha ngokungekho mthethweni, uninzi lwabo ngabantu abalungileyo nabakhutheleyo abaze kufuna ubomi obubhetele nje apha. Ulwaphulomthetho ummangalelwa akhethe ukulwenza alunananto yakwenza nelizwe lakhe okanye amanye amazwe," itshilo ijaji.

Inkundla igwebe uSimiao iminyaka emibini ngokuxhwila, ubomi entolongweni ngenxa yokudlwengula, ubomi entolongweni ngenxa yokubulala, kunye neminyaka emibini entolongweni ngokwaphula umthetho weImmigration Act.

Inkundla iyalele zonke izigwebo ukuba ziqhube ngaxeshanye nezigwebo zobomi bonke. USimiao uza kuvalelwa ubomi bakhe bonke entolongweni.