UNomathamsanqa Gobozi-Nibe oyiNtloko entsha yeDSRAC eMpuma Koloni.
Image: ECDSRAC
ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni (DSRAC) lityumbe uNomathamsanqa "Tamtam" Gobozi-Nibe njengeNtloko entsha yeSebe ukususela ngoMvulo, umhla wokuqala kweyoMsintsi 2025.
UMphathiswa weli Sebe, uSibulele Ngongo, uvuyisene waze wakwamkela ukuchongwa kukaGobozi-Nibe. "Ndinqwenelela uNkskz. Gobozi-Nibe konke okuhle kwisikhundla sakhe esitsha kwaye ndikwathembisa ukuzibophelela kwethu nenkxaso yethu ukuqinisekisa ukuba isikhundla sakhe kubunkokeli beli ziko yimpumelelo," utshilo uMphathiswa uNgongo.
Ngokwengxelo yeSebe, uGobozi-Nibe ebefudula ebambe isikhundla sokuba nguManejala Jikelele kwimicimbi yezenkcubeko iminyaka emihlanu.
"Ngomsebenzi kwinkalo yeenkonzo zoluntu othathe iminyaka engamashumi amabini, ubambe izikhundla eziphezulu kwimicimbi yezenkcubeko, uphuhliso lwasemaphandleni, ukuthathelwa ingqalelo ngokwesini kunye noqulunqo lomgaqo nkqubo.
"Usebenze kwicandelo lophuhliso iminyaka yonke yempangelo njengomsebenzi ophandayo ongasebenzi eofisini, umphandi kunye nomphathi kwaye unomdla wokuba negalelo elihle kulawulo olulungileyo nolucocekileyo," litshilo iSebe.
Le Ntloko yeSebe intsha kuthiwa inesidanga seHonours kwiPsychology kunye neHigher Diploma kwezemfundo kwiYunivesithi yaseFort Hare, noqeqesho olubanzi lwezifundo kubunkokeli, ulawulo nophuhliso.