Iindaba

UOliphant noTolashe etshatshalazeni

Cwayita Nondula|Published

ULumka Oliphant noSisisi Tolashe etshatshalazeni.

Image: Imifanekiso egciniweyo

Isithethi sesebe lophuhliso loluntu, uLumka Oliphant, ukuqinisekisile ukunqunyanyiswa kwakhe emva kwengxelo edizwe yiSunday Times malunga noMphathiswa uSisisi Tolashe ekutyholwa ukuba uchithe izigidi ezithathu zeerandi kuhambo lwakhe eNew York, eMelika.

Kwingxelo, uOliphant uthe uSisisi ukholelwa ukuba nguye ohlebele iphephandaba iSunday Times kunye nonikeze ngeenkcukacha zeengxelo zangaphambili zeCity Press.

"USisisi ongenawo noGrade 12 ebehlekisa ngomsebenzi wam nangona ndisengomnye weeNtloko zezoNxibelelwano eziqhuba kakuhle kurhulumente ngokwengxelo yeGCIS. Umlo wakhe wezopolitiko noBathabile Dlamini uwuthathile wawusa kwisebe kwaye ebendihlukumeza kuzo zonke iintlanganiso, kodwa ndibone ukuba mandimnike imbeko emfaneleyo njengenkokeli kunye nomntu omdala," utshilo uOliphant.

UOliphant uthe ukunqunyanyiswa kwakhe akukho ngenxa yeziphumo zoMphicothi zincwadi Jikelele. "Ezi zityholo zibubuxoki abathi zingenxa yeziphumo zophando lukaAG azinanto yakwenza nam. Ukuba bathetha ngezinto ezifunyenwe nguAG, kufuneka uDG anqunyanyiswe kuba sineebhiliyoni zeebhiliyoni ezifunyenwe nguAG ezikhomba ukusilela kolawulo lukaSASSA lisebe. Isiqinisekiso kulo mba."

Uthe oku kunqunyanyiswa kungenxa yomnye wabacebisi, uNgwako Kgatla. "Yena [uKgatla] kudala exelela wonke umntu ukuba ndilutshaba lukaMphathiswa kuba ndisebenze noBathabile. Eneneni, nabani na ongathethiyo nomcebisi uyahanjiswa.

"UThabani Buthelezi, uZanele Simmons, uOsborne Masilela, ngabona bangumzekelo. Kwalomntu obambeleyo ngoku ngumtshana kaKgatla kwaye wade waxoka nakwiCV yakhe ukuba wayelivolontiya kaHlengiwe Mkhize ongasekhoyo," udize watsho uOliphant.

Uqukumbele ngelithi, "Andizokoyikiswa nguSisisi osafuneka ahambe ayogqibezela uGrade 12. Ndim ndilapha etshatshalazeni bethuna. Andimoyiki uSisisi. Ukubonisa ukuba ndiyawazi umsebenzi wam, njengoko bona bebexakeke nokubeka ityala, umsebenzi wam uyahlonitshwa kumanye amazwe kwaye uqinisekisiwe namhlanje ngembasa."