Ikholeji Ikhala TVET ikhalimela ukudlwengulwa komfundi.
Image: Eduatlas
Ibhunga lekholeji Ikhala TVET lisigxekile isiganeko sakutshanje sokudlwengulwa komfundi ngomnye umfundi nesenzeke kwikhampasi yakuKomani.
Ikholeji iqinisekisile ukuba umfundi uya kufumana inkxaso epheleleyo kunye noncedo oluyimfuneko, kubandakanywa nenkxaso yezonyango, ngokweemvakalelo kunye nezemfundo.
Ethetha egameni lale kholeji, uPalesa Beja, uthe ikholeji "ibuhlungu kakhulu" kwaye "inomsindo" ngenxa yodlwengulo lwakutshanje lomnye wabafundi babo kwaye bayasigxeka esi senzo simanyumnyezi kangangoko kwaye baqinisekisa ukuma kwabo ngokuchasene nazo zonke iintlobo zobundlobongela obusekelwe kwisini.
Ethetha neli phephandaba, uBeja ungqinile ukuba esi sehlo senzeke ngobusuku bangoMgqibelo umhla wama30 kweyeThupha 2025 kwaye saxelwa emapoliseni kwangobo busuku.
"Siyayincoma iNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (SAPS) ngenyathelo labo elikhawulezileyo lokubamba umtyholwa kunye nokuqinisekisa ukuba ujongene nengalo yomthetho.
"Ikholeji iya kuqhubeka nokusebenzisana ngokupheleleyo nabezomthetho ukuqinisekisa ukuba inkqubo efanelekileyo iyalandelwa nokuba ubulungisa buyenzeka. Ngaphaya kweli tyala, intsebenziswano yethu neSAPS kunye neqela elibanzi lokhuseleko liya kuhlala liqhuba ukuqinisa amanyathelo othintelo, ukwabelana ngobuntlola, kunye nokusabela ngokukhawuleza kuyo nayiphi na imeko," utshilo uBeja.
Esi ayisosehlo sokuqala solu hlobo ukuba senzeka kule kholeji, kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka kudlwengulwe abafundi abangamantombazana ababini ngabafundi abangamadoda kwiziganeko ezahlukeneyo. UBeja uphawule ukuba esi siganeko sibonisa imfuneko engxamisekileyo yeendawo zokuhlala abafundi ezikhuselekileyo.
"Ibhunga nabaphathi babeka phambili ukhuseleko lwabafundi njengento engxamisekileyo. Ngelixa ikholeji ingenako ukuthethelela naluphi na uhlobo lobundlobongela, ezi ziganeko ziqaqambisa umngcipheko abakuwo abafundi, ngakumbi kwiindawo zokuhlala ezingakhuselekanga nezingalawulwayo.
"Ikholeji iphumeza amanyathelo oluleko ngokomgaqo wokuziphatha wabafundi. Siza kube siqhuba amaphulo eGBVF, aquka iforam yamadoda, Men's Forum, kunye neforam yabasetyhini, Women's Forum, kuzo zonke iikhampasi zethu," utshilo uBeja.
Le kholeji ikwaqaphele ngenkxalabo into yokuba iziganeko ezilolu hlobo zenzeka xa abafundi besela utywala kwaye bezibeka kwiindawo ezingakhuselekanga, ingakumbi ngamaxesha okuphuma kwemali kaNSFAS.
"Nangona oku kungathetheleli ubundlobongela, kugxininisa imfuno engxamisekileyo yendawo yokuhlala yabafundi ekhuselekileyo. Sisebenzisana namahlakane ukubonelela ngeendawo zokuhlala ezikhusela abafundi bethu kwiingozi," iqinisekise yatsho ikholeji kwingxelo.
UBeja ukwaqinisekise ukuba le kholeji iza kuba nendibano kwiveki ezayo egxile kukhuseleko lwabafundi babo kunye neendawo zokuhlala abafundi.