UAkhona 'Bhodl'ingqaka' Mafani weIngqaka Poetry Academy eMakhanda nokwayiyo nembongi ubuqu.
Image: UTHUNYELWE
Ingqaka Poetry Academy yaseMakhanda eMpuma Koloni iza kube inesihikahika setheko elibizwa ngokuba yi-Ikhwelo Lityala Heritage nelitheko lenkcubeko apho kuza kube kubhiyozwa kubhiyozelwa inkcubeko yamaAfrika nanjengoko le iyinyanga eyaziwa njengokuba yeyamafa namagugu.
Umsunguli weInqaka Poetry Academy nokwayimbongi, uAKhona Mafani, nowaziwa ngelika Bhodl'ingqaka, uthi lo ngunyaka weshumi elinesihlanu (15) eyimbongi ephum' izandla kungoko ebona kubalulekile ukuba asindleke eli theko ukubulela kuba baninzi abalandele emva kwakhe abanye benza imibongo ngaye de abanye bazenza yena ngenxa yokuba beqaphela isakhono sakhe sokubonga.
"Oku kungumbulelo wam kubo kuba ndisafuna ukubaphuhlisa nangakumbi ndibancedise ngezakhono ekubeni babeziimbongi eziphum' izandla.
"Ndiyabakha ndibalungiselela amaqonga amakhulu okanye lawo agunyazisiweyo anokufuna iimbongi ezitshatsheleyo. Eli theko liza kuba likwasiso nesikhumbuzo senye yeembongi zethu, ugxa wethu nongasekhoyo uSiphelo Dyongman Zotsho, obesaziwa ngelikaNqontsonqa igama," utshilo uMafani.
Uthi baza kungqamanisa imibongo yakudala yooMqhayi kwaneyolutsha yeli xesha efana nekaNqontsonqa apho baza kube behlalutya nemibongo yakhe apho athi baza kube befundisa iimbongi ekubeni zifunde ukwazi ukubhala, ukuzimela kwanokuzihlalutyela.
Eli theko lingomhla wama27 kule nyanga kwaye kulindeleke oosaziwayo nabonwabisi nanjengoko kuza kube kuxhentswa, kusombelwa kwaye kuza kutyiwa nokutya kwesiXhosa.
Omnye wabazakuba bekho ngolu suku nguMiss Indoni SA, nosekhe wabongela uMongameli weli uCyril Ramaphosa nowaduma njengo 'Cupcake' uInako Mateza. UMateza ethetha neli phephandaba lesiXhosa uthi uziva echulumancile ukuba ngomnye weembongi eziza kube zizimase eli theko lityebileyo.
UInako ‘Cupcake’ Mateza nozakube eyenye yeembongi eziza kube zidyusha nge27 kule nyanga eGrahamstown Hall eMakhanda.
Image: UTHUNYELWE
"Okundivuyisa ngamandla kukuba eli theko lenziwa kanye ngale nyanga yamasiko nezithethe neyinto ebonisa ukuba ngenene iimbongi zixatyisiwe, zisahlonitshwa kwaye zisanikwa indlebe. Khumbula singabaphilisi ngezwi, ngoko ke xa besivumela sibangcamlise oko sinako, kuthi imiphefumlo iyahlutha," utshilo uMateza
Abanye abazakube beyinxalenye besonwabisa uluntu ngolu suku nguDongadala Bemdiliza. Abaphathi nkqubo nguVovo The Influencer, Mgqiqwa The Comedian, noYonela Alimunce. Abanye abazakuba yinxalenye yeli theko nguNtombomxhosa, Indlalifa Yamaqabambola, Via Kasi Movers, Positive Minds, Makoneni, Onguye Ukumkani – ukanti uDlakuthi kwakunye noSolanga abaphuma kwi-Ingqaka Poetry Academy nabo baza kube beyinxalenye.
Kweli theko kukwalindeleke ukuba kutyiwe nokutya kwesiXhosa kubhiyozwe kombelwe batyityimbe abatyityimbayo egameni lokukhumbula inkcubeko yethu nokubhiyoza inyanga yamagugu namafa nenkcubeko yeAfrika.
Eli theko lingomhla wama27 kule nyanga neliza kube libanjelwe eGrahamstown Hall, liza kuqala ngentsimbi yesibini emva kwemini.
Amatikiti athengwa ngeR100 eMakana Tourism Pavarotti Barbershop okanye ulithenge ngeR150 ngosuku olukhulu emnyango.