Bangaphaya kwamakhulu alithoba abarhanelwa ababanjwe eMpuma Koloni kwiintsuku nje ezintlanu beqhuba amaphulo amapolisa.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa eMpuma Koloni abambe abarhanelwa abangaphaya kwamakhulu alithoba (953) phakathi komhla wamashumi amabini anesihlanu (25) ukuya kumhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeThupha 2025 ngethuba eqhuba amaphulo angamashumi amathandathu ananye (61) kwiphondo liphela.
Ngokwengxelo yamapolisa eMpuma Koloni, amapolisa ayi14 929 atyalwe kumanyathelo angama89 693 aphunyeziweyo ukukhawulelana nokuxhaphaka kwemipu engekho mthethweni, uthintelo lokubulala namanye amatyala anobuzaza afana nokuphanga iimoto ezihambisa imali.
Imisebenzi eyenziwayo ibandakanya oku kulandelayo:
Ukuhlolwa kwezithuthi ezenziweyo – 627
Ukuvalwa kweendlela – 30
Ukukhangelwa kwabarhanelwa abafunwayo – 229
Ukuhlolwa kweevenkile zesphaza – 13 683
Abantu babanjelwa olu lwaphulomthetho lulandelayo:
Ukwaphulwa koMthetho woLawulo lweMipu – 35
Ukuba nemipu ngaphandle kwephephamvume – 24
Ukuthengisa ngeziyobisi – 44
Ukuthengisa utywala ngokungekho mthethweni – 50
Ukwaphulwa koMthetho weeMpahla eziSetyenzisiweyo – 20
Ukuba neziyobisi ezingekho mthethweni – 141
Ukubulala – 19
Ukudlwengula – 9
Uhlaselo ngenjongo yokwenzakalisa umzimba – 199
Uhlaselo – 98
Ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala – 101
UMkomishinala obambeleyo wePhondo, uMajor General Thandiswa Kupiso, ubancomile abasebenzi bakhe ngomsebenzi wabo omhle. "Ukuzama ukugximfiza igunya likarhulumente, siqhuba namaphulo nezinye izenzo, sigxile ngokukodwa kwizithili zephondo apho ulwaphulomthetho lugqugqisile," wongeze watsho uMajor General Kupiso.