Iigusha ezifunyenwe izolo kumzi othile okwisitalato iCallaway kumbindi wedolpphu eMthatha.
Image: SAPS
Kwiinyanga ezimbini kwasekwa iqela kwiSebe lesiPolisa elijongene nokukhusela kokubiwa kwemfuyo kummandla waseOR Tambo, ingakubi kwezona ndawo zihamba phambili ngalo mkhwa, liyaqhuba kwaye sele kubhaqwe iigusha ezibiweyo eMthatha naseBhityi kule veki.
NgoLwesithathu umhla wesithathu eli qela libekiweyo lamaPolisa libambe umrhanelwa onama40 eminyaka ubudala kwisitalato saseCallaway kumbindi wedolophu yaseMthatha, ebhaqwa eneegusha ezimbini, enye iphila eyesibini sele ixheliwe nebezibiwe eMthatha SPCA.
Kwesinye isiganeko, kusasa namhlanje, uLwesine, kufunyenwe iigusha ziphila eziyi53 kwilali yaseXhwili eBhityi. Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo ithi, ezo gusha ziye zabuyiselwa kumnikazi wazo kwangoko emva kokuba zibhaqwe msinya ziyabula zodwa.
IIgusha eziyi53 ezifunyenwe ngaphambi kwentsimbi yesithathu ekuseni namhlanje eXhwili eBhityi.
Image: SAPS
Ezi gusha zibiwe izolo umhla wesithathu emva kwentsimbi yeshumi ebusuku neziye zashiywa enyanyeni ngumrhanelwa.
AmaPolisa abongoza abafuyi bahlale bekroba ubuhlanti babo ukuze baqaphele kwamsinya xa konakele bachaze kwamsinya ukuze zihlangulwe kwangethuba iigusha zabo.
Umrhanelwa (40) ubanjiwe wabekwa ityala lokuba imfuyo, kulindeleke ukuba avele phambi koMantyi waseMthatha.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana uqhwabele izandla oogxa bakhe ngomsebenzi okhawulezileyo leli qela ekulweni ukubiwa kwemfuyo.