Iindaba

Kuxakile umitha kwamantombazana amancinane eMpuma Koloni!

Pedro Mapelo|Published

UNtandokazi Cape Capa nguMphathiswa weZempilo kwiphondo leMpuma Koloni.

Image: ECDH/Facebook

URhulumente wephondo leMpuma Koloni uvakalise ukungonwabi okukhulu ngenxa yenani eliphezulu kakhulu lokumitha kwamantombazana aselula ngeminyaka.

Ingxelo iveze ukuba basondele kumawaka amahlanu (4 752) abantwana abangamantombazana abazeleyo kulo nyaka phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi neyeKhala abaneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini.

Kuthiwa aqabele ngaphaya kwekhulu (117) wona amantombazana aneminyaka ephakathi kweshumi (10-years) neshumi elinesine (14-years) abafumene abantwana abancinane. Eyona ndawo enenani eliphezulu lokuzala kwamantombazana aselula yi'O.R.Tambo District, ilandelwa yiBuffalo City Metro neNelson Mandela Bay Metro.

Oku kuchukumise uRhulumente wephondo ocele abazali ukuba bakuxele emapoliseni ukuxhatshazwa kwabantwana abancinane. "La ayingomani nje kuphela. Oku kuthetha ukuthi abantwana abancinane banyanzelwe ukuba babe ngabantu abadala," utshilo uNtandokazi Cape.

"Ukulala umntana ludlwengulo esingasoze silamkele. Siyalele amaziko empilo ukuba axele bonke abantwana abazele bebancinane. Sizebenzisana nesebe leNtlalontle nelaMapolisa ukuze sikhusele abantwana," utshilo uCapa.

UMphathiswa uthe uRhulumente uza kuqinisa iphulo eliza kulumkisa abantwana abangamantombazana ngobungozi bokumitha beselula kubekho nendlela yokusondeza iindlela zokucwangcisa ebantwini.

"Sifuna ukusebenzisana namakhaya noluntu ngale ngxaki. Aphezulu kakhulu la manani futhi ayasinyanzela ukuba kubekho into esiyenzayo. Ngeke sisonge izandla Ikamva Labantwana litshabalala. Akwamkelekanga ukuzala komntana oneminyaka elishuli," utshilo uMphathiswa weZempilo ephondweni.

Okuxhalabisa kakhulu kukuba kuthiwa amatyala avulelwe abadlwenguli ayarhoxiswa ngabamangali. Amapolisa abongoza abantu ukuba bohlukane nokukhusela abantu abophula umthetho.