Iindaba

ULumka Oliphant unqunyanyisiwe ngenxa yamabango 'olawulo olugwenxa'

Hope Ntanzi|Published

ULumka Oliphant, uMlawuli oyiNtloko wezoNxibelelwano, unqunyanyiswe liSebe loPhuhliso loLuntu ngelixa kusenziwa uphando malunga nokusetyenziswa kakubi kwemali ngexesha enguSekela Mlawuli Jikelele obambeleyo.

Image: Social development/ X

ISebe lezoPhuhliso loLuntu likuqinisekisile ukunqunyanyiswa koMlawuli oyiNtloko wezoNxibelelwano, uLumka Oliphant, lichaza izityholo ezinobuzaza zokuphatha kakubi imali ngexesha lakhe njengoSekela Mlawuli Jikelele oBambeleyo weCorporate Support Services kunyaka mali ka2024/2025.

Kwingxelo ekhutshwe emva kodliwanondlebe lukaOliphant kumajelo eendaba kunye nezinto azibhale kumakhasi onxibelelwano, iSebe liwachithile amabango akhe "njengenkohliso nalahlekisayo," limtyhola ngokuzama ukuzulisa kungathethwa ngezizathu zokwenyani zokunqunyanyiswa kwakhe.

Ngelixa iSebe licaphula iziphumo zolawulo olugwenxa ezinxulumene neziphumo zoMphicothi zincwadi Jikelele, ukunqunyanyiswa kuza emva kokuba iingxelo zamajelo eendaba ziveze uhambo oluya eNew York lukaMphathiswa woPhuhliso loLuntu uSisisi Tolashe.

ISebe lithe uOliphant unqunyanyiswe ngoko nangoko ukususela ngoMvulo, umhla wokuqala kweyoMsintsi, kusalindwe uphando malunga nezitenxo eziphawulwe nguMphicothi zincwadi Jikelele kwiinkqubo ezinkulu ezimbini, i-Integrated Justice System (IJS) kunye neNational Integrated Social Protection Information System (NISPIS), eziyanyaniswa nexesha lesikhundla sakhe sokubambela.

"Inyaniso yalo mba yeyokuba uNksz Oliphant wanqunyanyiswa ngenxa yezityholo ezinobuzaza zokungalawuli kakuhle ngexesha leenyanga ezilishumi elinesibini ebambe isikhundla njengoSekela Mlawuli Jikelele weCorporate Support Services kunyaka mali ka2024/2025," litshilo iSebe.

Ikwagxininise ukuba ukunqunyanyiswa "akumenzi umntu onetyala okanye omsulwa nangayiphi na indlela. Endaweni yoko, kuya kuvumela uphando ngezi zityholo zinobuzaza ukuba lwenziwe ngaphandle kokucalula inkqubo okanye nabaphi na abaqeshwa abakhoyo ngoku, njengoko uNksz Oliphant engumntu okwisikhundla esiphezulu kweli Sebe."

Ngelixa ebegqibezela ukutyumba igqiza lophando, uMlawuli Jikelele uqinisekise uluntu ukuba le nkqubo iza kuqukunjelwa ngokukhawuleza, kunye nexesha elilindelekileyo leentsuku ezingama60.

"UMlawuli Jikelele uyawuqinisekisa uluntu ukuba uyayiqonda into yokuba ngokomthetho, uNksz Oliphant unelungelo lophando oluqosheliswa ngokukhawuleza nangempumelelo kwaye unethemba lakuba lityunjiwe igqiza labaphandi, liya kuwugqiba umsebenzi walo zingaphelanga iintsuku ezingama60."

ISebe lalinengxaki neengxelo zikaOliphant zasesidlangalaleni, limtyhola ngokwenza "izityholo ezinkulu nezingenasihlahla" kwaye ehlasela isidima sikaMphathiswa uTolashe.

"Ngelishwa, uNksz Oliphant, usengumsebenzi weSebe kwaye njengaye nawuphi na omnye umsebenzi eburhulumenteni obotshelelwe nguMgaqo wokuziPhatha kwiNkonzo kaRhulumente kunye neminye imimiselo echaphazelekayo, ukhethe ukudlala indima yomntu osasaza izityholo ezinkulu nezingenasihlahla zokunqunyanyiswa kwakhe," litshilo iSebe.

"Kumakhasi akhe onxibelelwano nathethe into engekhoyo, uNksz Oliphant unikele ngexesha lakhe ukuthoba isidima nokugxeka igama nemfezeko yoMphathiswa uTolashe."

Lithetha ngamanye amabango kaOliphant awenze esidlangalaleni, iSebe liyikhabile into yokuba unqunyanyisiwe kuba erhanelwa ngokuhlebela iinkcukacha iphephandaba iSunday Times elipapashe ibali, lisithi [iSebe] ukunqunyanyiswa kwakhe "akunanto yakwenza" nosasazo lweendaba.

"Ukunqunyanyiswa kwakhe akunanto yakwenza nezityholo zakhe ezigwenxa nezibubuxoki, esithi 'unqunyanyisiwe kuba erhanelwa ngokuhlebela iinkcukacha iSunday Times epapashe ibali eliphambili'."

ISebe likwavakalise ukuxhalaba ngeengxelo zamajelo eendaba nelithi la majelo awahoyanga ulwazi olucacileyo olunikezelwe phambi kokuba kupapashwe, ngokukodwa malunga nokucazululwa kweendleko ezinxulumene negqiza elikhokelwa nguSekela Mlawuli Jikelele kwiiNkonzo zeNtlalontle, uNksz Siza Magangoe.

"ISebe lichaze ngokucacileyo ukuba iindleko ezihambelana nokudluliselwa kwegqiza lonke, zifakwe ngempazamo phantsi kohlahlo lwabiwo mali lukaNksz Magangoe ngaphandle kokophula iindleko zomntu ngamnye kwigqiza."

"Njengomqeshi onenkathalo, sithatha eli thuba ukucebisa uNksz Oliphant ukuba ahlukane nokuqhubeka ethetha izinto ezithoba isidima seSebe okanye uMphathiswa, koko agxininise kwizityholo ezinzulu zolawulo olugwenxa ajongene nazo ezibangele ukuba anqunyanyiswe kwasekuqaleni."

Eli Sebe lithe alisayi kubonelela ngohlaziyo olongezelelweyo ngelixa kuqhutywa uphando, "ngenxa yentlonipho yemfezeko nokuba semthethweni kweenkqubo eziqhubekayo, kunye nokunika igqiza eliphandayo ixesha eliyimfuneko lokwenza umsebenzi walo."

UNomfundo Xulu-Lentsoane uchongwe njengeBambela Mlawuli oyiNtloko kwezoNxibelelwano, litshilo iSebe.