Umrhanelwa uThembinkosi Mangesi ofunwa ngamapolisa.
Image: SAPS
Amapolisa akhangela omnye wabarhanelwa abafunwa kakhulu eNelson Mandela Bay nokwabandakanyeka kwiziganeko zolwaphulomthetho eziliqela.
Iqela leSAPS Provincial Serious Violent Crime Investigation Unit licela uncedo kuluntu ukuba lifumane uThembinkosi Mangesi owaziwa ngelikaTerra, indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala, nothe wabandakanyeka kumatyala amahlanu awohlukeneyo okubulala, ukuphanga ishishini, ukuzama ukubulala nokuphanga imoto ngo2023 eKariega naseBooysens Park.
Umrhanelwa uThembinkosi Mangesi ofunwa ngamapolisa.
Image: SAPS
Kuthiwa oko wabaleka waduka negama lakhe.
Amapolisa acela nabani na onolwazi malunga nokuba uphi ukuba atsalele umcuphi weSAPS Provincial SVCI, uDetective Sergeant uNigel Wright ku082 921 2312 okanye atsalele iCrime Stop ku08600 10111. Ulwazi lunokwabelwana ngalo kusetyenziswa iMySAPS App.