Abafana ababini babanjelwe ukubulala emva kwezityholo zokubetha umkhuluwa wabo wabhubha nabamtyhola ngokudlwengula umtshana wabo.
Image: Kindel Media / Pexels
Abafana ababini abaminyaka ilishumi elinesixhenxe (17) namashumi amabini ananye (21) eMambalwini, eXhorhana babanjwe kule mpelaveki iphelileyo ngeCawe ngezityholo zokubulala umkhuluwa wabo (39) emva kokuba betyhola ngokumbhaqa edlwengula umtshana wabo (15).
Ngokwengxelo yamapolisa, abarhanelwa babini abangabaninawa, babethe kanobom umkhuluwa wabo ngoMgqibelo wesithandathu kweyoMsintsi 2025 malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku kwaye wafunyanwa ebhubhile ngeCawe ngentsimbi yesibhozo kusasa.
Isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo uthi kutyholwa ukuba aba bathathu bomzi omnye babuya kwithaveni yasekuhlaleni kunye nomtshana wabo ngoMgqibelo umhla wesithandathu kweyoMsintsi 2025, kwaye aba bafana babini batyhola ukuba bafumana umkhuluwa wabo edlwengula umtshana wabo baza baqalisa ukumbetha.
"Wazilwela kodwa ekugqibeleni woyiswa kwaye wagcinwa kurontawuli otshixiweyo ongaphakathi kwiyadi yendlu ngoMgqibelo ebusuku izandla zakhe zibotshelelwe ngentambo. NgeCawe yomhla wesixhenxe kweyoMsintai 2025 ngentsimbi yesibhozo kusasa, lo mkhuluwa wafunyanwa sele ebhubhile kurontawuli ebegcinwe kuwo,” utshilo uMatyolo.
Amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo kwaye abamba la barhanelwa babini kwaye babekwe ityala lokubulala ngelixa ityala lodlwengulo livulwe ngumtshana. Uphando ngezi ziganeko luyaqhuba.
Esi sibini siza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseMqanduli ngoMvulo umhla wesibhozo kweyoMsintsi 2025, sijongene netyala lokubulala.