Iindaba

Ubanjiwe usisi waseMonti ohlabe wabulala utata womntwana wakhe oliPolisa!

Abongile Ginya|Published

Ubanjiwe usisi, 31, ohlabe wabulala ngemela utata womntwana wakhe obenguSajini eKwenxurha SAPS.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Abecandelo lokuphanda amatyala olwaphulomthetho badandathekile emva kokuba kuhlatywe kwabulawa kabuhlungu uSajini Khayalethu Soteni (40), nobesebenza kwisikhululo samaPolisa saseKwenxurha kwicala labecuphi.

UWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi esi sehlo senzeke ngeCawe umhla wesixhenxe kweyoMsintsi kwilali yaseSoto eKwenxurha. AmaPolisa emva kokuba ebiziwe afike eva ukuba lo ubuleweyo liPolisa ebelingaphangelanga nelihlatywe ngumama womntwana walo (31), ngethuba eyokufuna uncedo ngemali malunga nomntwana wabo. Ukungavisisani kwabo kuye kwakhokelela kwingxabano wabe umama womntwana exhobe ngemela.

UMhlakuvana uthi, ixhoba lihlatywe esifubeni ngemela ngumama womntwana sele liphumile emnyango lihamba neliye lalandelwa ngulo lahlatywa.   

Ixhoba libhubhe kwangoko kwindawo yexhwayelo kwaye nesikhali safunyanwa ngakumzimba wexhoba. Usisi uchazwe njengokuba ngowaseCwili eKie Mouth.

Ulindeleke ukuba avele kusasa ngoLwesibini phambi koMantyi waseMonti malunga netyala abekwe lona elokubulala.