Owayesakuba nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uphakathi kwamagosa aphezulu asixhenxe abizelwe ukunika ubungqina kwikomiti yethutyana yasePalamente ephanda ngezityholo zobuqhophololo nokungenelela kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika.
Image: Bongani Shilubane / Independent Newspapers
Owayesakuba nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele wongezwe kuluhlu lwamangqina ekulindeleke ukuba anike ubungqina phambi kwekomiti yethutyana yasePalamente ephanda ngezityholo ezinobuzaza zorhwaphilizo, ukungenelela kwezopolitiko, kunye nolawulo olugwenxa kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS).
Le komiti yasekwa emva kwezityholo ezenziwe ngomhla wesithandathu kweyeKhala 2025 nguMkomishinala wePhondo laKwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, owatyhola esidlangalaleni amagosa aphezulu ezopolitiko namapolisa ngokuthintela uphando oluphezulu kunye nokuzama ukudiliza iqela lePolitical Killings Task Team eKZN.
Ngethuba esenza intetho yakhe, uMkhwanazi uye waveza ubungqina, obuquka iincoko zikaWhatsApp ekutyholwa ukuba zithathwe kwiifowuni, athe zadiza ukungenelela okuququzelelweyo ngabantu abakwizikhundla eziphezulu.
Uchaze ngokukodwa uMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu, ihlakani lakhe uBrown Mogotsi, kunye nosomashishini uVusumuzi “Cat” Matlala njengabaphambili kwezi nzame [zokungenelela].
Kwindibano noonondaba ebibanjwe ngoLwesihlanu, usihlalo wekomiti yethutyana, uLekganyane Molapi, uqinisekise ukufakwa kukaCele kuluhlu lwamangqina.
“Usihlalo utyikitye iileta ezisixhenxe ezibhalelwe abantu abasixhenxe ababiziweyo,” utshilo uMolapi. “Okwesibini, kwisimemo, akukho mntu unikwe umhla wokuvela phambi kwekomiti.”
Uluhlu lwabamenyiweyo luquka uMchunu, uMkhwanazi, uMkomishinala kazwelonke uFannie Masemola, uSekela Mkomishinala kuzwelonke uShadrack Sibiya, OoSekela baPhathiswa uPolly Boitshelo noCassel Mathale, kunye neBambela Mphathiswa wamaPolisa uFiroz Cachalia.
UMolapi ubethelele ukungxamiseka kwale nkqubo esithi, “Besicwangcise ukuba le komiti iqalise umsebenzi wayo ngomhla weshumi kwinyanga yoMsintsi.”
Nangona kungekho zinkcukacha zisesikweni zichaziweyo kumangqina, uMolapi ungqinile ukuba ikomiti ithathe isigqibo malunga nendlela ekuza kumanyelwa ngayo ubungqina. “Indlela ekuza kuhanjwa ngayo isamile, umntu wokuqala oza kuvela phambi kwale komiti nguLieutenant General Mkhwanazi,” utshilo.
Nangona kunjalo, uMkhwanazi uye wacela ukuba uhlehliswe umhla wokuvela kwakhe ngenxa yezibophelelo zangaphambili kwiKomishoni iJudicial Commission of Inquiry into Criminality, Political Interference and Corruption in the Criminal Justice System, ephethwe yijaji yeNkundla yoMgaqo-siseko edla umhlalaphantsi uMbuyiseli Madlanga.
“Ngokuphathelele uMkhwanazi, ucele ikomiti ukuba imvumele ukuba aqhubeke neKomishoni nasele enesibophelelo nayo kude kube ngumhla wama24 kweyoMsintsi. Kulapho athe uza kufumaneka khona ukuba aze kuvela phambi kwekomiti nanini na ukusuka ngomhla wama25 kweyoMsintsi,” utshilo uMolapi.