Iindaba

Amapolisa akhangela abarhanelwa ababulale abathathu eGqeberha

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa aseGqeberha akhangela abenzi bobubi ababulale abantu abathathu eSoweto on Sea, Kwazakhele.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Igqiza labacuphi bephondo elijongene nolwaphulomthetho olunobundlobongela (SVCI) eGqeberha likhangela abarhanelwa abadubule basuba imiphefumlo yabasetyhini ababini abaminyaka ingama40 nama65 kunye nentwazana eneminyaka elithoba ubudala. Esi sehlo senzeke ngoMvulo, umhla wesibhozo kweyoMsintsi 2025, malunga nentsimbi ye-19:40 kwisitalato saseMalibale, eSoweto on Sea, Kwazakhele.

Iingxelo zithi amapolisa aKwazakhele abizelwe kwisiganeko sodubulo kwisitalato saseMalibale, eSoweto on Sea.

"Ekufikeni kwabo bafumene ulwazi kubahlali ngezithonga zemipu abaziveleyo kwaye emva kwezi zithonga abahlali bafumene imizimba yamakhosikazi amabini kunye nomntwana omnye ngaphakathi endlini kwaye babiza amapolisa. Amaxhoba amathathu abhengezwe njengababhubhileyo kwindawo yexhwayelo ngabezonyango," sitshilo isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa.

Kuthiwa abecuphi baphanda amatyala amathathu okubulala. Isizathu sesi siganeko asicacanga kwaye siza kuba yinxalenye yophando oluqhubekayo.

"Amapolisa aya kugxininisa igunya lawo ekuqinisekiseni ukuba abo babandakanyekayo bayabanjwa. Baza kwenza konke okusemandleni abo ukubamba abarhanelwa kwaye bahluthe nasiphi na isixhobo esisetyenziswe ekwenzeni ulwaphulomthetho," utshilo uMawisa.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ngolwazi olumalunga nolu phando lokubulala ukuba aqhagamshelane nomcuphi ophuma kwiqela leSVCI lephondo, uDetective Warrant Officer John Lourens ku071 352 4706 okanye uCrime Stop ku08600 10111 okanye athumele umyalezo ngaphandle kokuchaza igama lakhe ngeMySAPS App.

Amagama ababhubhileyo aza kukhutshwa xa izalamane zabo zibafanisile ngokusesikweni.