Iindaba

Kukhangelwa uOna ekuse engekho egumbini lakhe!

Abongile Ginya|Published

UOna Moloto (18) ekuse enyamelele kwigumbi lakhe ngeCawe kowabo.

Image: SAPS

AmaPolisa ayseKabega Park abongoza intsebenziswano kulowo unokuthi abone uOna Moloto (18) onyamalele kubusuku bangeCawe kwikhaya lakhe eWestering.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Sandra Janse Van Rensburg ithi, ebusuku ngeCawe, umama kaOna uye egumbini likaOna nobefunda iincwadi zakhe eyokumxelela ukuba uyalala.

Kusasa ngoMvulo lo mama xa esiya egumbini likaOna eyokumvusa wafika kukhala umoya engekho uOna noye wakhawuleza wamfaka kuWhatsApp abanaye wabahlali esazisa nabamelwane bakhe ngesi sehlo.

UOna Moloto (18) waseGqeberha ekuse enyamalele kwigumbi lakhe ngeCawe.

Image: SAPS

Ingxelo iqhuba ithi, kwividiyo uOna ubonwe kusemva kwentsimbi yesihlanu ekuseni ngoMvulo eseRowallan Park. Ngethuba ebonwa kule vidiyo, uOna ebenxibe kakuhle isinxibo sabantwana abangamakhwenkwe sale mihla exwaye nobhaka.

UJanse Van Rensburg uthi iinzame zenziwe zokufunwa kwakhe nakwizihlobo apho angayakhona kodwa akafumaneka. Emva kokungafumaneki kwezi ndawo ebenokuba kuzo, umama wakhe uye wayokuvula ityala eKabega Park malunga nonyana wakhe.

AmaPolisa aseSAPS Kabega Park asaqhubekeka nophando ebongoza lowo unolwazi atsalele ku082 442 1282 okanye ku08600 10111, kungenjalo atyelele kwisikhululo esikufutshane naye.