Iindaba

Port Alfred: eCoyi okanye eCawa?

Abongile Ginya|Published

Eyona bhulorho intle xa ungena kwidolophu yasePort Alfred usuka ngaseMonti.

Image: FACEBOOK

Uluntu lwasePort Alfred eMpuma Koloni kulindeleke ukuba ludibane ngoLwesithathu kule veki kwingxoxo etshis' ibunzi malunga nokutshintshwa kwamagama eendawo ezifana nasePort Alfred, Alexandria naseKowie River.

Le ndibano iza kube iseholweni elaziwa ngokuba yiNdlambe Civic Hall ePort Alfred nezakube iqhutywa liSebe lezobuGcisa, iNkcubeko nezemiDlalo, iKomiti yotshintsho lwamagama eMpuma Koloni kwakunye noMasipala iNdlambe.

Ikomiti emva kokufumana isicelo kuMasipala iNdlambe samagama ewaphakamisileyo, iye yenza uphando yaludakanca naphambi kwebhunga kwaye ngoku ikwisigaba sokubonisana nabo bachaphazelekayo.

Amagama aphakamisiweyo nekunqwenelwa atshintshwe yidolophu iAlexandria kuphakanyiswe amagama amabini, igama elithi eNkosi Chungwa nelo belikade lisetyenziswa iEmnyameni.

Idolophu iPort Alfred amagama ekuza kuxoxelwa phezu kwawo mabini, yiCoyi nelo belikade lisetyenziswa iCawa. Yona iKowie River kuphakanyiswa igama elithi Qoyi.

Usihlalo wekomiti, uChristian Martin uthe: "Ikomiti ayitshintshi magama koko idala iqonga lokuba abantu baphefumle ngamagama eendawo zabo ze bagqibe xa befikelele kwisivumelwano," utshilo Martin.

Le ndibano iza kube iqala ngentsimbi yeshumi kusasa ngomso uLwesithathu.