Iindaba

'Silwa urhwaphilizo mihla le,' utsho uFikile Mbalula

Kamogelo Moichela|Published

UNobhala Jikelele weANC ethetha kwinkomfa yesithoba yeEhlanzeni Regional Conference eMbombela eMpumalanga ngempelaveki.

Image: X/Fikile Mbalula

UNobhala Jikelele weANC, uFikile Mbalula, uwukhusele umbutho kwizityholo zobuqhophololo, esithi iANC “ayinabuqhophololo” kodwa izimisele ukulwa nobuqhophololo mihla le.

Ethetha kwinkomfa yesithoba yeEhlanzeni Regional Conference eMbombela ngempelaveki, uMbalula ubongoze amalungu ombutho ukuba abe ngumzekelo, aziphathe kakuhle, alahle imikhwa ethe yangcolisa igama leANC kule minyaka idlulileyo.

“IANC kule mihla ayiluthathi uxanduva lamalungu azibandakanya kurhwaphilizo. Ukuba ubanjiwe, ubekwa ityala," utshilo uMbalula egxininisa ukuba liphelile ixesha lokuzimela ngombutho.

"Ngaphambili, besinamaqabane ahamba kunye ezinkundleni, ecula enxiba izikipa zombutho, ifikelele esiphelweni loo nto."

Iintetho zakhe ziza ngethuba iANC iqhubeleka nokujijisana nezityholo ezinobuzaza zorhwaphilizo kumanqanaba aphezulu, kuquka neziphumo zekomishoni kaZondo ephanda ngokubanjwa ngobhongwana kukarhulumente.

Le komishoni ibhengeze ubuqhophololo obuxhaphakileyo obubandakanya amagosa ayanyaniswa neANC, echaphazela iinkokeli eziphezulu zombutho ngokufunxa iibhiliyoni kumaziko karhulumente.

Nangona iANC ibisoloko ithembisa ngokulungisa izinto, kwehlile ukuthembela kwabantu kulo mbutho.

Iqela lamatyala orhwaphilizo – kuquka lawo abandakanya iingxowa-mali zoncedo lweKhorona, iCOVID-19 ngamanye, ubuqhophololo beethenda zakwaEskom, nokusetyenziswa gwenxa kohlahlo lwabiwo-mali loomasipala – onakalise kakhulu isidima seANC.

UMbalula uvumile ukuba lo mbutho unembali yeziganeko ezingaginyisi mathe, echaza urhwaphilizo “njengengozi” watsho ecaphula ikomishoni kaZondo njengento ebuhlungu kodwa eyayimfuneko.

Uthe: "Kwafunyanwa iibhiliyoni. Kwabiwa impahla, ezinye zabe ziyathintelwa."

Kwisilumkiso esiqatha, uMbalula ukubeke kwacaca ukuba iintsuku zokungahoywa kwendlela yokuziphatha kweenkokeli zeANC zibaliwe.

"Hloniphani iANC. Ixesha apho abantu baziphatha ngendlela abathanda ngayo, liphelile ngoku. Oku kuqala kwiNEC, ukuba iNEC ayinikeli ubunkokeli, abanye baza kulandela ekhondeni labo," utshilo.

Ukwagxeke ukulwa kunye nezithuko esidlangalaleni phakathi kwamalungu kumakhasi onxibelelwano, nto leyo athe inyusa ukungathembeki kweANC.

Ngelixa uMbalula esenza isibhambathiso sohlaziyo, abagxeki baphikisa ngelithi amazwi ewodwa awasayi kubuyisela umbutho kundalashe, into enokwenza loo nto kukuthatha uxanduva, ukwenza izinto elubala kunye nenyathelo eliqinisekileyo.