Umrhanelwa oyindoda (32) uza kuvela kwinkundla kamantyi kuGatyane ngomso ngoLwesithathu ngetyala lokuzama ukubulala emva kokuba ehlasele ngokungenalusini ixhegokazi (84).
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Umrhanelwa (32) uza kuvela phambi kwenkundla kaMantyi kuGatyane ngoLwesithathu umhla weshumi kweyoMsintsi 2025, kulandela ityala lokuzama ukubulala elenzeke eQholorha ngaphandle kwakuGatyane ngeCawe, umhla wama31 kweyeThupha 2025 xa ziyela intsimbi yesibini ezinzulwini zobusuku (01:55).
Ngokwengxelo kutyholwa ukuba ixhegokazi (84) lihlaselwe ngokungenalusini ngumrhanelwa laze lasiwa kwiziko lezempilo elikufutshane ukuze lifumane unyango ze emva koko ladluliselwa kwisibhedlele saseGcuwa ukuze libekwe iliso ngakumbi.
"Amapolisa amfumana enamanxeba amaninzi emzimbeni wakhe. Ityala lokuzama ukubulala liye lavulwa ukuze kuphandwe kungekho mrhanelwa," sitshilo isithethi samapolisa uLt Col Siphokazi Mawisa.
Ngophando olunzulu olwenziwe ngamapolisa lukhokelele ekubanjweni komrhanelwa ngomhla wesibini kweyoMsintsi 2025, ekhayeni lakhe eQholorha.
Lo mrhanelwa uye wavela phambi kweNkundla kaMantyi kuGatyane ngoLwesine umhla wesine kweyoMsintsi 2025, kwaye ityala lakhe lamiselwa uLwesithathu umhla weshumi kweyoMsintsi 2025.
Amapolisa athi azimisele ukuphanda izenzo zolwaphulomthetho ezibeka emngciphekweni ukhuseleko loluntu kwaye bagwetywe abenzi bobubi. Iqela liya kuqinisekisa ukuba ubulungisa buyafezekiswa.