Abahlali bakuMonda, eChizele, eDutywa, bancame bayifaka amatye indlela engahambekiyo ngenxa yobubi.
Image: Uthunyelwe
Abantu belali ekuthiwa nguMbonda, eDutywa, banexhala njengokuba kusondela ixesha leemvula zehlobo. Bathi ubomi babo bubanzima kakhulu ngenxa yendlela embi kakhulu. Kutshanje abahlali bakuMbonda babonakele kwividiyo ejikeleze kumakhasi onxibelelwano bevala imisele endleleni ebonakalayo ukuba ineminyaka yagqibela ukulungiswa.
Ngokutsho kwabantu belali, indlela yakuMbonda yagqibela ukufakwa ihlalutye kwiminyaka esondele eshumini ngoku ayihambeki ngoba iziindonga. Ububi bendlela benza kubenzima ukuya edolophini kanti nabo ootitshala nabantwana bafika nzima ezikolweni ngenxa yendlela embi. UMolondolozi Moses uvakalise ukungonwabi ngenxa yendlela athe ayihambeki kwilali ekwaWadi 8, eChizele, phantsi koMbhashe Local Municipality.
"Iminyaka iyile eshumini ngoku indlela inje apha. Zihamba ethafeni iimoto ngoba indlela ineendonga. Nakwela thafa kunzima ukuhamba phaya xa kuna imvula. Kudala samxelela uceba ngale ndlela – kodwa isenje nangoku. Xa kumanzi apha, iimoto zihamba nzima. Yonke le ndlela iziindonga," utshilo uMoses.
Iititshala eziya eMdunyiswa S.P.S. nabantwana abaya eVulingcobo S.S.S. bayanyanzeleka bakhengele ezinye iindlela zokuphuma elalini xa kusina imvula. Inqununu yaseMdunyiswa, uNolitha Tshangene, ungqinile ukuba ngokwenene bahamba nzima kwindlela yakuMbonda.
"Isimo sendlela apha kuMbonda sibi kakhulu. Xa kune imvula asikwazi ukuza esikolweni. Xa imvula ine silapha esikolweni, asikwazi ukunyuka ngeemoto kule ndlela. Abantwana balapha naseVulingcobo bayachaneka ngenxa yendlela embi. Siyaludinga kakhulu uncedo," utshilo uTshangene.
Uceba kwaWadi 8, uAnda Mpatuse, uvumile ukuba uyayazi indlela embi kuMbonda watsho ethembisa ngelithi sele exelile kwamasipala ukuze inikwe ingqwalasela njengokuba kusondela ixesha leemvula zehlobo.
Naye umasipala uvumile kwimbalelwano ayithunyelwe leli phephandaba ukuba ikhona nyhani ingxaki yendlela watsho esithi iqukiwe kwisicwangciso sonyakamali ekuhanjwa kuso ngoku ngumasipala. Into angayixelanga umasipala kukuba uza kuyilungisa nini indlela yakuMbonda.