Iindaba

Libulele umtshana lazibulala ipolisa elafumanisa umntwana walo ngokabhuti walo

Cwayita Nondula|Published

Ipolisa lasePitoli lizibulele labulala umtshana walo emva kokuba lifumanise imfihlo yosapho.

Image: Kaya News / X

Kwisehlo esothuse uluntu, ipolisa (32) livingcele umama (69) nomtshana (18) walo iiyure eMamelodi, ePitoli, nekutyholwa intsusa ziimfihlo zosapho nalapho lityhole umama walo ngokwazi ukuba umntwana walo ngokabhuti walo, nesiphele kakubi esi sehlo kuba eli polisa lidubule umtshana phambi kokuba lizidubule.

Esi sehlo, nesenzeke ngoLwesibini, umhla wesithoba kweyoMsintsi 2025, sithathe malunga neeyure ezilishumi elinesithandathu. Ngokwengxelo yeIOL, iinkcukacha zonobangela zidizwe ngumalume weli polisa, uSteve Mphela, obenencoko namapolisa.

"UMphela uxelele iintatheli ukuba umtshana wakhe wazityand’ igila ngento ebuhlungu efunyenwe nguye. UMphela uthi ipolisa kubikwa ukuba lafumanisa ukuba umntwana ebenaye nentombi ebencuma nayo ayingowakhe, kodwa ngokabhuti wakhe," itshilo kwingxelo i-IOL.

Iingxelo zithi eli polisa libanga ngelithi unina wayeyazi le nto kwaye nemfihlo yokuba ayinguye utata, nekukholeleka ukuba yiyo eyamphambanisayo.

Eli polisa, uThapelo Mashigo, kuthiwa lalisebenza kwisikhululo samapolisa saseBoschkop kwaye phambi kokuba libhubhe laliyinxalenye yeqela lengingqi iEssential Infrastructure Task Team. Kuthiwa wangena emapoliseni ngo2019.

Amapolisa aseMamelodi East aphendule kwisehlo sokuvalelwe kwabantu endlini ngentsimbi yesibhozo kusasa. Isithethi samapolisa uBrigadier Brenda Muridili uthe abo bajongana neziganeko ezilolu hlobo bakwazile ukwenza ipolisa likhulule umama walo osele ekhulile endlini ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku. Waye wanyangwa ngaboncedo lokuqala kwindawo yexhwayelo phambi kokuba asiwe esibhedlele.

"Esi siganeko sasonjululwa kanye ezinzulwini zobusuku, xa amalungu eSpecial Task Force (STF) ayeza kungena endlini ngobuchule. Ngeli xesha abo bajongana neziganeko ezilolu hlobo babesathethathethana nepolisa ukuba linikezele ngethuba kuvakala izandi ezimbini zezithonga zompu ziphuma endlini.

"Xa bengena endlini, amalungu eSTF afumana umzimba weli polisa. Njengoko babegqogqa indlu, babhaqa umzimba womtshana wepolisa oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala unenxeba lokudutyulwa," utshilo uMuridili.

Ityala lokubulala, ukuxhwila kwakunye nelonobangela wokubhubha liza kubhaliswa kwisikhululo samaPolisa eMamelodi East. Amapolisa aqinisekisile ukuba iCandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID) liza kwaziswa.