Iindaba

UKhuzani noZindlovu baqinisa ufundo lwencwadi kwaBhaca!

Pedro Mapelo|Published

UKhuzani noZindlovu, abakhuphe incwadi entsha ekuqaleni kwalo nyaka, bakhuthaze ulutsha kwaBhaca kukhuphiswano lokufunda labantwana besikolo.

Image: Uthunyelwe

Bagoduke bencumile abantwana bezikolo emva kokuzithaphulela amaqithiqithi kukhuphiswano lofundo nohlalutyo lwencadi kutshanje. Oku kwenzeke emcimbini obuququzelelwe kwidolophu yakwaBhaca ngababhali abatsha uKhuzani (Unam) noZukile Zindlovu.

Ngabantwana abasondele kumashumi amahlanu abaphume kwizokolo ezisibhozo kwaBhaca abathathe inxaxheba kufundo lweencwadi zesiXhosa. UKhuzani waba nombono wokuqhelisa abantwana abancinane ukufunda iincwadi emva wasungula iqonga.

Iphupha lakhe liqalwe yincwadi ethi 'Nalapho kungekho qhude kuyasa' ayipapashe nogxa wakhe uZindlovu ekuqaleni kwalo nyaka. Eyona nto ephambili kuKhuzani noZindlovu kukugoba abantwana besebatsha ukuze bafumane ukuzithemba ebomini.

Iphulo labo linyathelo elincomekayo kakhulu ngoba uMzantsi Afrika unenani eliphezulu labantwana bezikolo abafundela ukunkqaya endaweni yengqiqo. Yinto leyo ethi ichaphazele ukukhula kwabo abantwana kakubi sele befunda kumanqanaba aphezulu.

"Ndizive ndichulumancile emva kokhuphiswano ngoba bekunzima ekuqaleni," utshilo uKhuzani. Eyona nto eyenze kwanzima kukwenza umsebenzi omkhulu engenayo imali.

"Uphumelele umsebenzi wethu ngenxa yabantu abasixhasileyo abaquka iititshala nekwaBhaca Mall esinike amabhaso esiwanike abantwana abaphumeleleyo. Ukhuphiswano lethu luvuyise abantu abaninzi. Iititshala esiphuma kuzo nathi ziliqhwabele izandla iphulo lethu.

"Lukhuphiswano elizokomeleza ulutsha oluza emva kwethu. Sifuna bazi ukuba ulwimi lwenkobe lubalulekile," utshilo uKhuzani obengumququzeleli. Emva kokukhuthazwa yindlela oluthakazelelwe ngayo ufundo lwencwadi ngabantwana, uKhuzani uthi ukhuphiswano iza kuba yinto eyenzeka unyaka nonyaka.

Wonke umntana ophumeleleyo ugoduke ephethe into. Abanye bafumene izatifiketi, iimbasa neendebe ngokwahlukana kwabo. "Abantwana abathathe inxaxheba sibanike izatifiketi bonke ngoba sifuna bahlale benomdla wokuza," uvale ngaloo mazwi uKhuzani echwayitile.