Indoda yaKwaBhaca igwetywe ubomi neminyaka engamashumi amathandathu anesithathu ejele.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Inkundla ephakamileyo yaseMthatha igwebe uSomeleze Mazwi (29) wengingqi yasePapani, eMvuzi KwaBhaca, ubomi ejele kunye neminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63) edityanisiwe ngamatyala anobuzaza awohlukeneyo aquka ukubulala kunye nokuzama ukubulala, ukuphanga nokuba nompu ongenampepha.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo, ngomhla we10 kweyeKhala 2023, amadoda amabini aphuma kwingingqi yaseBadibanise, eLubhacweni, abikwa njengabalahlekileyo kwisikhululo samapolisa akuQumbu. Uthi eli tyala belinikwe uKapteni Maliwa weqela labacuphi baseOR Tambo, nobekwazile ukukhangela afumane amaxhoba.
"Ngomhla we12 kweyeKhala 2023, enye yamadoda awayelahlekile yafunyanwa kwisibhedlele iNelson Mandela Academic inamanxeba okudutyulwa kumzimba ongasentla, ngelixa umzimba wendoda yesibini wabhaqwa kuQumbu unenxeba entloko ebhubhile. Amatyala abantu abalahlekileyo aye aguqulwa emva koko aba ngamatyala okubulala nawokuzama ukubulala," utshilo uMatyolo.
Kwiintsuku ezintathu emva kokuba enike ingxelo emapoliseni, kwadutyulwa ingqina eliphambili lakwaBhaca. Ixhoba elisindileyo laye lakhutshwa kamva esibhedlele, nto leyo eyathi yancedisa ekuqhubeleni phambili uphando, utshilo uMatyolo.
"Ngomhla we15 kweyoKwindla 2024, amapolisa abamba uSomeleze Mazwi KwaBhaca, nalapho wafunyanwa enompu kunye neembumbulu ezingenampepha. Wayalelwa ibheyile kwaye wahlala eluvalelweni de wagwetywa," utshilo uMatyolo.
Eli tyala ladluliselwa kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeThupha 2025. UMazwi uchophele eli tyala yedwa emva kokuba lowo wayetyholwa ukuba wayehamba naye wabulawa ngexesha lesiganeko sokuphanga ishishini eMqanduli phambi kokuba abanjwe.
Uphando ludize ukuba unobangela wokubulala nokuzama ukubulala kukuphangwa kwemoto yohlobo lweToyota Corolla yamaxhoba, eyayisetyenziswa njengemoto yokulayisha abantu okanye iteksi. La ngamatyala athe uMazwi wafunyaniswa enetyala kuwo:
1. Ukubulala – Ubomi entolongweni
2. Ukuzama ukubulala – iminyaka engama20
3. Amatyala amabini okuxhwila – iminyaka engama20
4. Ukuphanga – iminyaka eyi15
5. Ukuba nompu kunye neembumbulu ezingenaphepha-mvume – iminyaka esibhozo
Zonke izigwebo, eziyiminyaka engama63 iyonke, ziya kuqhuba ngaxeshanye nesigwebo sobomi ejele.