UMongameli uCyril Ramaphosa uthi ooceba beANC kufuneka bafunde kwiDA indlela yokukhokela oomasipala.
Image: X/@MyANC
UMongameli uCyril Ramaphosa uvumile ukuba imvisa kabuhlungu into yokuba oomasipala abakhokelwa yiDA basoloko besodlula abeANC ekuhambiseni iinkonzo, ebongoza ooceba balo mbutho ukuba banyuse iikawusi.
Ethetha kumsitho wooceba beANC kwibala lemidlalo iFNB eSoweto, uRamaphosa uxelele amalungu ombutho ukuba afunde kwabanye oomasipala abalawulwa ngeendlela ezingcono kunabo.
"Ndingakhankanya apha kuba akukho nto igwenxa kukhuphiswano. Badla ngokuba ngoomasipala abalawulwa yiDA, kufuneka sizibuze ukuba yintoni le bayenzayo ebhetele kunale siyenzayo?
"Kwaye akukho nto igwenxa kuthi xa sisithi sifuna ukuya kubona ukuba iKapa lenza ntoni, sifuna ukuya kubona ukuba iStellenbosch yenza ntoni na," utshilo.
Wongeze ngelithi kufuneka bafunde kubuchule babo ukuze bakwazi ukunyukela phezulu, esithi: "Asinakuhlala ezantsi ngonaphakade."
"Kuyandikhathaza kakhulu xa ndiqhubeka nokubona oomasipala bethu ngamanye amaxesha bathanda ukubuya umva. Kwaye ningabantu abanokuphucula oko. Iziphumo zophicotho zibalulekile."
Ngokokutsho kukaRamaphosa, uMphicothi zincwadi Jikelele umxelele ukuba uninzi lweengxelo zemali zoomasipala abakhokelwa yiANC zazingalungiselelwanga nakwinqanaba lebhunga kodwa ngaphandle.
Uyibethelele into yokuba iANC kufuneka iqeshe abantu abanesakhono sokulawula oorhulumente basekhaya.
"Ilizwe lethu linawo abantu abawaqondayo amanani. Akukho kunqongophala kwabantu abazi uphengululo-ncwadi zemali. Masihambe siye kufuna abantu abawuqondayo uphengululo-ncwadi zemali," utshilo.
Kusenjalo, usihlalo weANC kuzwelonke, uGwede Mantashe, uthethe namalungu ebhunga lombutho wakhe, esithi nangona bekwazi kakuhle ukucula nokudala ingxolo, abakwazi ukulawula amabhunga.
"Ndiyazi ukuba sinabo ooceba abaculayo abaninzi kodwa asinawo amabhunga. Nonke nicula kakuhle kodwa umsebenzi dololo," uxelele inginginya yabantu.