Iteksi eye yafumana ingozi intlekentleke.
Image: KZNDoT
Unoteksi, iteksi yakhe ethe yaqengqeleka kwibhulorho yaKwaKhetha ngoMvulo nebangele ukuba konzakale abafundi abangamashumi amabini emva koko wanyamalala kwindawo yexhwayelo, ubanjiwe.
Esi sehlo senzeke ngoMvulo, umhla weshumi elinesihlanu kweyoMsintsi 2025, ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe kusasa, kwibhulorho yakwaKhetha kwindlela uP127 eMpendle.
UMphathiswa wezoThutho nokuHlaliswa koLuntu KwaZulu-Natal, uSiboniso Duma, ubhengeze ukubanjwa kwalo mqhubi ngentsasa yangoLwesibini.
"Ndinqwenela ukwazisa ukuba umqhubi weteksi ongunobangela wokuba iteksi engafanelekanga ukuba ibe sendleleni ibandakanyeke kwingozi ebandakanya abafundi abangamashumi amabini eMpendle ubanjiwe. Umqhubi akanampephamvume yokuqhuba kwaye akanayo nempephamvume njengomqhubi olayishayo. Unempephamvume yomfundi kuphela," utshilo.
Kuthiwa abafundi bezikolo iMatomela High School, iLuthando High School kunye neSthunjwana Primary School basiwe kwikliniki yaseGomane nakwisibhedlele iHarry Gwala Regional Hospital (Edendale Hospital) ukuze bafumane unyango.
ISebe lezoThutho nezokuHlaliswa koLuntu laseKZN lidize ukuba le yingozi yesithathu ebandakanya uthutho lwabafundi besikolo kwiSithili saseMgungundlovu kwiintsuku nje ezimbalwa. Kuthiwa kubhubhe abafundi abane ngoLwesine [kwiveki ephelileyo], ukanti abanye basasesibhedlele.
"Sihlaba ikhwelo kwiSouth African National Taxi Council KwaZulu-Natal ukuba ijongane nezi ngozi ezibandakanya imibutho yeeteksi," utshilo uDuma.