Ababhali beencwadi baseMpuma Koloni bekwisikolo iLower Malepe kuTsolo ngethuba beyokunikeza ngeencwadi kwesi sikolo ngeenjongo zokuphuhlisa imfundo kubantwana besizwe esiNtsundu.
Image: UTHUNYELWE
Emva kokuba iphephandaba I'solezwe lesiXhosa lipapashe ibali kwinyanga ephelileyo lombhali weencwadi zesiXhosa okwangutitshala wesiXhosa kwisikilo iLower Malepe Primary School eMcetyana, kuTsolo, uIviwe Mathe, owayecela isandla ekubeni bakhelwe ithala leencwadi kwaye bancedwe nangeencwadi esikolweni sabo, ababhali abaphuma kooMasipala abafana neBuffalo City Metro, OR Tambo kuquka iSebe lezobuGcisa, iNkcubeko kwakunye nelezeMfundo eMpuma Koloni nombutho wootitshala uSADTU baye bavakalelwa seso sikhalo kuba bakwazile ukuzidina ukuyokunyathela kwesi sikolo kule veki.
Ongumbhali uSiphokazi Mpofu waseBCM, nobekutyelelo kuTsolo nogxininise ukubaluleka kwemfundo ebantwaneni, uthe baza kuthi gqolo ukuzimisela bexhasa amalinge kwanamatiletile azanywayo ngeenzame zokuphuhlisa abantwana besizwe esiNtsundu. Uthi nangona bezimele bona bengaxhaswa ngurhulumente, kodwa lo nto banayo nokuba incinci baza kuqhubekeka.
Ababhali beencwadi eMpuma Koloni bekwisikolo iLower Malepe Primary kuTsolo ngethuba beyokunikela ngeencwadi kwesi sikolo ngenjongo zokuphuhisa imfundo kubantwana besizwe esiNtsundu
Image: UTHUNYELWE
Omnye wababhali, uSonwabile Mfecane waseBCM, esongeza kumazwi kaMpofu, uthe belapha nje baxhasa imfundo kuba isizwe esingafundiyo siyatshabalala. UMfecane uthe: "Ndiyaheshuza kukho igongqongqo, utywala, elifunxa abantwana bethu libabalekisela ekufundeni, thina silapha sizokuthi umthi wokufunda mawume uthi gomololo ukuze kusinde isizwe."
Umbhali ophuma eOR Tambo, uMandla Mtyumza, uthi bona bengababhali bakhule becinga ukuba abantu ababhala iincwadi ngabantu ababhubhayo nalapho athi ingayinyhweba ebantwaneni xa benokuthi bona bengababhali babizwe xa kubhiyozelwa usuku lokufunda lwehlabathi ukuze bababone kwaye bakwazi nokuzibuzela imibuzo.
"Eli thala leencwadi lizanywa apha kwanezi ncwadi sizizise apha ayizozaba fundi kuphela. Ndihlab' ikhwelo nakootitshala babo ngelithi mabayisebenzise nabo bafunde kuba umbi utitshala ongafundiyo ngoba usulela umkhwa wokonqena ebantwaneni," utshilo uMtyumza.
Ababhali baseMpuma Koloni kwisikolo iLower Malepe Primary kuTsolo ngoLwesibini kule veki.
Image: UTHUNYELWE
Kwakulo msitho ubemkhulu wokunikezwa kweencwadi ngababhali kwesi sikolo, bekukho nababhali abaphuma kwiqumrhu iKhwa neliliqumrhu lababhali abangamanina kuphela elikhokelwa nguYondela Ngqokelela noNomana Ntshakaza obhale iincwadi ngesiNgesi nobhale ngemeko eyamehlelayo nanjengoko elixhoba lokudlwengulwa.
UNtshakaza ukwazibophelele esithi nanini na kwaye nabani na olixhoba angamncedisa aye kwiminyango efanelekileyo, esithi ixhoba lingavumi ukuba ithethwe isikhaya into yodlwengulo nanjengoko isenzeka kumakhaya amaninzi.
Inqununu yesikolo, uNoziphiwo Twetwa, ngethuba ibulela, uthe angalivuyela ithala elinokuthi lakhiwe kuba alizokunceda iMalepe Primary School kuphela, iza kunceda zonke iilali ezingqongileyo ukuze basuke kwiindawo ezigwenxa abantu abatsha. NeNkosi yendawo ibiyinxalenye yalo msitho.