Iindaba

Liza kuvela ezinkundleni eMonti iPolisa elibanjwe eKapa nelibandakanyeka kurhwaphilizo

Abongile Ginya|Published

Liza kuxoxa kwiinkundla zaseMonti iPolisa laseKapa elibanjelwe urhwaphilizo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Owayasebenza njengePolisa kwisikhululo saseKleinmond eNtshona Koloni nowayetyholwa ngokubandakanyeka ekuthengisweni ngokungekho semthethweni kwamaxwebhu eprojekthi efihlakeleyo ubanjiwe.

Umrhanelwa (38) ubanjwe ngoLwesithathu kule veki ebanjwa kwikhaya lakhe eSomerset West eKapa malunga nokurhwaphiliza, ukujongela ingalo yomthetho phantsi kwakunye nokudizwa kolwazi olungagunyaziswanga. 

Ingxelo ephuma kwiiHawks ithi endaweni yokuxhasa iinqkubo zeenkonzo nemfezeko, umrhanelwa uye wawathengisa ngabom amaxwebhu kulowo ebejolise kuwo, nobephantsi kophando, nowaziwa njengoBolt. Obesaziwa ngoBolt, nongasekhoyo, ebehlala eMonti. Ingxelo ithi kwaye kwavulwa  idokethi letyala kwaza kwaqhutywa uphando.

Isithethi seeHakws uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana uthi, ngonyaka ka2023 umrhanelwa wajikela umthetho wenza isenzo esothusayo apho wayetyholwa ngokufumana ngokungekho semthethweni amaxwebhu ayimfihlo eprojekthi ebalulekileyo.

Ubungqina beeHawks budize ukuba umrhanelwa lo wadibana noBolt eMonti, nowaye wabhatalelwa nguye ukuza eMonti kwanendawo yokuhlala, nekulapho umrhanelwa wanikezela  ngala maxwebhu emva koko wahlawulwa ngemali eyiR10 000.

Umrhanelwa uye waphandwa wabanjwa eNtshona Koloni wathunyelwa eMpuma Koloni. Ulindeleke ukuba avele phambi koMantyi waseMonti ngoMvulo kwiveki ezayo.

OyiNtloko kwiiHawks eMpuma Koloni, uMajor General Obed Ngweny,a uliqhwabele izandla eli qela ngokubamba umrhanelwa. UNgwenya uthi izenzo zomrhanelwa azikho emngciphekweni wophando olunzima kuphela kodwa zijongela phantsi ingalo yomthetho.