UNeliswa Elizabeth Nofilita (53) obekade efunwa ziiHawks ubanjwe eMntla Ntshona kwaye kulindeleke ukuba abuyiselwe eMonti azokuxoxa ngamatyala ajongene nawo.
Image: HAWKS
IiHawks zaseMpuma Koloni ebeziphantsi phezulu zifunisa ngoNeliswa Elizabeth Nofilita (53) owanyamalala negama lakhe emva kokuba wakhululwa ngebheyile kwityala ajongene nalo lobuqhophololo kwanokungahlawuli irhafu uSARS imali engapha kwesigidi seerandi (R1.5 million) ude wabe uyabhaqwa.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba ithi, uNofilita obekade endanda kumakhasi onxibelelwano engomnye wabantu abafunwa ziiHawks ufumaneke kwiPhondo laseMntla Ntshona ngoLwesibini kule veki emva kophando leengcali zabecuphi zeeHawks. Ingxelo iqhuba ithi umama uza kuthunyelwa kwidolophu yaseMonti apho aza kube ejongana khona nengalo yomthetho.
UFumba uthi, uNofilita wabanjwa kweyoMdumba ngonyaka ka2021 malunga nala matyala ajongene nawo.
Kuza emva kokuba phakathi kuka2014 no2015, uNofilita wenza ubuqhophololo exokisa uSARS ngokufaka iinkcukacha ezingezizo ekwathi neshishini lakhe alisasebenzi.
Umama lo wabanjwa ziiHawks ngomhla we24 kwinyanga yoKwindla ngo2023 wavela phambi koMantyi eMonti nalapho waye wakhululwa ngebheyile.
Ingxelo iqhuba ithi, kwakufanele ukuba ubuyele phambi koMantyi kwakhona ngomhla we23 kweyeThupha ka2023 akavela, nekulapho inkundla yayalela ukuba abanjwe avalelwe ngaphakathi xa efumanekile.
OyiNtloko kwiiHawks eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uqhwabele izandla oogxa bakhe esithi ukubanjwa kwalo mama kuthumela umyalezo ocace gca: “Wokuba ungabaleka kodwa soze uzimele, kwaye nokuba umthetho ungathatha xesha kodwa iiHawks ziza kubamba nokuba uphi.”