Iindaba

UMkhwanazi useseqongeni lamangqina kwakhona

Mthetheleli Mazwai|Published

UMkomishinala wamaPolisa eKZN uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi enika ubungqina bakhe kwiKomishoni kaMadlanga.

Image: Mthetheleli Mazwai

UMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi uphindele eqongeni apho aqhubekeka khona ngokunikezela ngobungqina bakhe kwiKomishoni kaMadlanga ePitoli.

UMkhwanazi wothuse isizwe izolo ngethuba ediza iingxelo zokuba uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu, okwikhefu elikhethekileyo, ubandakanyeka kwizenzo zobuqhophololo nokuba yitshomi yoonqevu. 

Uphindile wathi unabo ubungqina kwaye uza kubuveza ekuhambeni kwexesha, obunye kuzo kufuneka abunike bucala kuba bunobuzaza kwaye buyimfihlo yesizwe. Oko ukutsho emini izolo [ngoLwesithathu] ngethuba ebenika khona ubungqina kwiKomishoni kaMadlanga ePitoli.

UMkhwanazi uxelele iKomishoni ukuba iidokethi ezili123 zasuswa engakhange axelelwe zasiwa ePitoli ngomhla wama20 kuCanzibe kulo nyaka. "Zaziyi123 hayi 121, ndicinga ezinye zazo zadityaniswa kuba kuphandwa into enye okanye umrhanelwa omnye," utshilo uMkhwanazi.

"Ndaxelelwa ukuba ezi dokethi sezithunyelwe ePitoli, andazi nokuba zazithunyelwa kubani, okanye njani, kuba andizange ndixelelwe nto.

"Kwezi dokethi, kukho amatyala amahlanu ebekufanele ukuba kubanjwe abarhanelwa, kodwa ayizange yenzeke loo nto, kwaye andiyazi ukuba kwakutheni ukuze aba barhanelwa bangabanjwa kuba oko ibingumyalelo wenkundla kwaye bekufanele ukuba amapolisa enze lo nto."

Lo mphathi wamapolisa aseKZN ufundele iKomishoni ileta awayibhalela uAdv Elaine Harrison, ngobume bezo dokethi, nokususwa kwazo ukusuka eKZN zisiwe ePitoli.

UAdv Mashope ubuze uMkhwanazi ngoluhlu lwamatyala ka2019 achithwa ziinkundla ezahlukeneyo zaseKZN. UMkhwanazi uxelele le Komishoni ukuba oosomashishini abazizinhanha baphazamisa uphando lwala matyala ngokunyoba amapolisa nabatshutshisi, nto leyo ekhokelela ekuchithweni kwamatyala nokukhululwa kwabarhanelwa ngebheyile, abanye babo banamatyala anobuzaza kwaye baye baphinde babulale xa bekhululwe ngebheyile.

UJaji Madlanga ubuze uMkhwanazi ngetyala alivulele abo abatyhola ngokuphazamisa umsebenzi wePolitical Killings Tactical Team. Wakungqina oko uMkhwanazi, wathi: "Ndabamangalela abo ndicinga banetyala lokoyisa iziphelo zobulungisa."