Abarhanelwa abafunwa ngamapolisa eMpuma Koloni.
Image: SAPS
AmaPolisa asemaXesibeni eMpuma Koloni akhuphe imifanekiso yamadoda asixhenxe najongene nezityholo zokuloba abantu ababhinqileyo kuFacebook ngelithi kunezithuba zengqesho ezikhoyo kanti banezinye iinjongo.
Ngokwengxelo kaWarrant Officer Majola Nkohli, aba barhanelwa oku bakwenze phakathi kwenyanga yoMqungu ka2023 ukuya kuCanzibe walo nyaka u2025.
UNkohli uthi iindawo ebebesenza kuwo lo mkhwa abarhanelwa, kuseNdunge, Mhlanga nakuNtshamathe phantsi kwedolophu yaseMbizana.
AmaPolisa ePhondo abongoza kuluntu ngentsebenziswano, onokuba nolwazi ngaba [barhanelwa] eze ngaphambili. Onokuba nolwazi angatsalela isikhululo samaPolisa esikufutshane naye okanye atsalele kule nombolo 079 520 3586.