UMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi enika ubungqina kwiKomishoni kaMadlanga ePitoli.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
IOfisi kaMongameli uCyril Ramaphosa inike uxinzelelo kuMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uNjengele Fannie Masemola ukuba amisele amacandelo akhethekileyo ukuze kuxhamle inkampani yemigodi iRichards Bay Minerals (RBM).
Oku kudizwe nguMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi ngoLwesihlanu, kusuku lwesithathu enika ubungqina kwiKomishoni yophando ngolwaphulomthetho, ukungenelela kwezopolitiko, norhwaphilizo kwinkqubo yezobulungisa, ebiphethwe ngusihlalo uJaji odla umhlalaphantsi uMbuyiseli Madlanga.
UMkhwanazi uxelele iKomishoni ukuba wathumela igqiza labacuphi abahlanu eRichards Bay, nalapho kuthe kwagetyengwa amagosa amahlanu akwaRBM.
Uthi emva konyaka, abacuphi baye babuyiselwa kuba bebengenzi nkqubela yaneleyo kumatyala okubulala kodwa baqhubeleka nophando lwabo kwisikhululo sabo sesiqhelo eThekwini.
UMkhwanazi uthe abacuphi benza umsebenzi wesiqhelo wamapolisa kodwa abakwazanga kuphumelela kumatyala okubulala aseRBM.
NgokukaMkhwanazi, kubonakala ngathi iRBM inabantu abakwizikhundla eziphezulu nanjengoko watsalelwa umnxeba nguMasemola emxelela ukuba ufumene isikhalazo esivela kwiOfisi kaMongameli.
UMkhwanazi uthe uMasemola wamxelela ukuba makuqulunqwe ingxelo yesicwangciso kwaye ithunyelwe kuye, kwaye uza kuqinisekisa imali ityalwa kwiqela.
Ungenelelo lukaMasemola lubangele ukuba igqiza lamapolisa kunye necandelo longenelelo kuzwelonke (NIU) lisasazwe eRichards Bay.
UMkhwanazi ungqinile ukuba eli qela kunye neNIU zizizixhobo zokulwa zamapolisa hayi abacuphi.
Uthe umyalelo onikwe eli qela kukusebenza eRBM hayi kwenye indawo kwaye babekhona unyaka-mali wonke.
"I-RBM ibe nenyhweba yokufumana abasebenzi beSAPS ababesebenzela bona kuphela, nababexhaswa ngemali yiofisi kazwelonke," utshilo uMkhwanazi.
Wongeze ngelithi babeyele iRBM kuphela pha, kwaye babengathethi namntu, kuquka naye okanye uMkomishinala wesithili.
UMkhwanazi uyichaze le meko ngenxa yokuba iOfisi kaMongameli iye yakhalaza waze uMkomishinala kazwelonke wathumela igqiza lamapolisa.
Uthe oosomashishini bala mmandla bakhalazela ukuthunyelwa kwegqiza lamapolisa elijongene ngqo neRBM kodwa wabaxelela ukuba bathethe noMphathiswa wamaPolisa ngelo xesha uBheki Cele.
UMkhwanazi ugxininise ngelithi wayengayazi ngokuthunyelwa kwamapolisa eRBM.