Iindaba

URamaphosa uthi uphicotho lweencwadi olucocekileyo aluthethi ulawulo olungcono emva kokuncoma iDA

Xolile Mtembu|Published

Iintetha zikaMongameli Cyril Ramaphosa zakutshanje malunga neDA zibangele ingxoxo.

Image: Itumeleng English/Independent Newspapers

UMongameli uCyril Ramaphosa uthethe ngeentetha zakhe zakutshanje ezithe zaba ngundabamlonyeni xa encoma oomasipala abaphantsi kweDA ngophicotho lweencwadi  olucocekileyo, esithi la mazwi asekelwe kwiingxelo zoMphicothi zincwadi Jikelele (AG) ezigxininisa ulawulo oluluqilima lwezimali eNtshona Koloni.

Ethetha neSABC, uthe ucaphule nje into ethethwe nguTsakani Maluleke esidlangalaleni.

"Ndithe xa ndithetha ngezinto ekufanele sizenze, ndabhekisa kwiingxelo zakhe azikhupha minyaka le...Ujonga bonke oomasipala bethu, kwezinye iindawo, ufumanise uphicotho zincwadi olucocekileyo," uthethe watsho uRamaphosa.

Oomasipala baseNtshona Koloni banophicotho zincwadi olungenachaphaza ngokweAG, uqhube watsho.

"Kodwa uphicotho zincwadi olucocekileyo aluthethi izitalato ezicocekileyo, ulawulo olugqwesileyo. Ngumba wokuthotyelwa kwemigaqo. Baliqela oomasipala abaphantsi kweANC abanophicotho lweencwadi olungenachaphaza, kufuneka siwuqwalasele lo mba ngendlela ebanzi."

UMongameli uyigxekile iDA ethe yathatha iintetha zakhe yaqhayisa ngazo. "Ngokwembono yenguqu, abafikeleli kumlinganiselo, kwaye uninzi loomasipala beANC bayakwenza oko. Abantu abakwiindawo ezifana nePhilippi, Delft, Kayamandi kwaLanga bangakuxelela ukuba olo phicotho zincwadi lucocekileyo alukhange lube naziphumo zenguqu kubomi babo," utshilo.

Iintetho zakhe zokuqala zaveza amabango okuvuma kwakhe umbutho okhokelwa nguJohn Steenhuisen. "I-DA yenza izinto zenzeke," ubhale watsho lo mbutho [iDA] kumakhasi onxibelelwano.

Umgqugquzeli kazwelonke wolutsha lweEFF, uSihle Lonzi, utyhole uRamaphosa ngokugxila kuphela kwiindawo ezifumileyo eNtshona Koloni.

"UCyril Ramaphosa uthi iDA ilawula bhetele eKapa naseStellenbosch kuba xa esiya khona akalubeki unyawo kwiilokishi naseCape Flats, ezisele zimimandla enamazinga aphezulu okubulala. Uqhuba izithuthi zakhe ukusuka ePalamente ukuya kumasimi kaRupert eediliya, ukuya kutsho kwipomakazi lakhe eCamps Bay."

Umbhexeshi wenkqubo ye-intanethi (podcaster) ongundabamlonyeni, uPenuel Mlotshwa, uvakalise ukuba uRamaphosa uthunywe ukuba eze kutshabalalisa iANC.

"Wathunyelwa ukuba asenge imali kwaye enze iiSOE ezininzi zibe nobunini babucala kangangoko anako. Ukuqalisa inguqu apho ilizwe linikezelwa kwiDA neminye imibutho ethandwa ngoongxowankulu.

"AbakwaOppenheimers baza kuqhuba ixesha elide ukulawula uMzantsi Afrika, egameni labakwaRothschilds kunye neMelika. Iinkokeli zezopolitiko ezintsundu azinamdla wokusebenzela inyambalala yabantu. Kuphela kukuzenzela imali nangayiphi na indlela," utshilo uMlotshwa.