Iindaba

Uzichaze kumakhulu wakhe obulele kabuhlungu umvangeli waseWisile!

Abongile Ginya|Published

Utata obengumvangeli kwinkonzo yamaWisile eNgqushwa uJuba Nkundla Mduzulwana oxhaxhwe kabuhlungu kwikhaya lakhe ngumalusi waseNtabankulu.

Image: Uthunyelwe

Usapho lotata obengumvangeli kwinkonzo yamaWisile, uJuba Nkundla Mduzulwana obhaqwe exhaxhwe kabuhlungu kwikhaya lakhe eNgqushwa kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, luthi lona inxeba lokubulawelwa kabuhlungu kwelungu labo losapho lwakuthabatha ixesha ukuphola, kodwa kona ukubanjwa komrhanelwa kuyicuthile intlungu kwaye luyavuya.

UMaijor Mduzulwana, nongumninawa katata nothethela usapho ngethuba ethetha neli phephandaba I'solezwe lesiXhosa, uthe zibuhlungu iintliziyo zabo, okwenziwe ngumrhanelwa kubo belusapho akunakuze kulibaleke.

UMduzulwana uthi khange afune nokumjonga umrhanelwa ngenxa yesenzo asenzileyo. Utat' umvangeli (75) ongasekhoyo nobethandwa ngabahlali bala lali, ubhaqwe ngomhla weshumi elinanye kule nyanga ngamalungu osapho ethe natya phezu kwebhedi yakhe kwaye engasekho koko elijaja ligazi enamanxeba amathathu ebunzi, entloko nangasemva kwentloko.

Umrhanelwa ubanjwe ngamaPolisa kummandla waseNtabankulu apho azalelwa khona emva kokuba ethe wachaza kumakhulu wakhe ngenyala ashiye elenzile eNgqushwa. Umrhanelwa kwindawo yaseNgqushwa wayeze ngokomsebenzi wokolusa imfuyo, akayiyo inzalelwano engesiso nesihlobo.

Lo mrhanelwa uvele ngoMvulo kule veki kwaye uza kubuyela kwakhona kuMvulo weveki ezayo umhla wama29 apho aza kube efaka isicelo sebheyile.

Umvangeli ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela kuLwesine weveki ephelileyo kowabo eNgqushwa. Amakhadi ebhanki wotata oxhaxhiweyo afunyenwe ekuye umrhanelwa.

UMaijor ubulele inkxaso kuluntu nakwiimvaba ezahlukeneyo ezithe zabanika inkxaso ngexesha lobunzima.