Iindaba

iSAMWU icele uxolo ngengoma ebisonyelisa uSodolophu waseBCM!

Abongile Ginya|Published

Abasebenzi baseBCM kwiveki edlulileyo kwisitalato iOxford ngethuba bebambe uqhankqalazo nolufikelele esiphelweni emva kwemvisiswano phakathi kweSAMWU nomqashi.

Image: Johnnie Isaac

Imanyano yabasebenzi iSAMWU ithi nangona nje uqhankqalazo ebilubambe kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo kummandla waseBuffalo City Metro (BCM) belusemthethweni kodwa icela uxolo kubahlali ngokuphazamiseka kokuhanjiswa kweenkonzo. 

Le manyano ikwathe iyaxolisa ngengoma ebiculwa ngamalungu ayo kolu qhankqalazo ebijoliswe kuSodolophu woMasipala uPrincess Faku, nebimchaza njengehule. 

USihlalo weSAMWU eMpuma Koloni, uZolani Ndlela, uthe, "SiyiSAMWU kwiPhondo nengingqi yeBCM, sicela uxolo kubahlali bonke balo mmandla ngokuthe kwenzeka kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Sakuqinisekisa ngeenkonzo ezikhawulezileyo kubahlali kuba ingxaki ibingengobahlali ibingumqashi kungoko sisithi sifuna ukuthatha uxanduva ukuqiniseka ukuba sibuyisa isidima sabahlali."

Esenza isingxengxeso kuFaku nakwabasetyhini ngegwijo elibe ngundabamlonyeni kolu qhankqalazo, uNdlela uqhube wathi: "Sikwacela noxolo olucacileyo apho singabasebenzi siye safumaniseka ukuba kukho amagwijo esithe sawacula, amagwijo lawo anomonyeliso. Sifuna ukucela uxolo nangona ke siziinkokheli asikwazi ukulawula ukuba iingoma maziculwe njani ngabahlali kona sinodano kakhulu."

Uthi izinto ngoku zibuyele esiqhelweni nanjengoko umqashi kwakunye nabasebenzi bethe bafikelela kwisivumelwano kwintlanganiso eye yabanjwa ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo.

Olu qhankqalazo belushiye izitalato zaseBCM zingajongeki ngenxa yobumdaka kwenkunkuma. Kuza emva kokuba abasebenzi bebekhalela umqashi ngeemfuno zabo nangezikhalazo ebezingade ziphendulwe ezinye zazo zezonyaka ka2018.

ISAMWU yenze umbulelo nakwiANC yeli phondo nethe yangenelela ukuze ibeyimpumelelo indibano yabasebenzi kwakunye nabaqashi.

Namhlanje uLwesine bekulindeleke ukuba kubanjwe indibano emalunga notyikityo lwesivumelwano ngezinto ekuvunyelwene ngazo kwindibano yeveki ephelileyo.